UJohannes usanxanelwe ezinye iindebe

USimon Murray kunye noRobyn Johannes beBidvest Wits

Nangona engomnye wabadlali abaphumelele iindebe ezininzi kwiPSL – kodwa umdlali weBidvest Wits, uRobyn Johannes, usanxanelwe ezinye.

IWits inethuba elihle lokukhusela iTelkom Knockout emva kokubetha iMaritzburg United kwiveki ephelileyo.

UJohannes ngomnye wabadlali basemva abanamava eMzantsi Afrika futhi abadlala kakuhle kakhulu.

Lo mdlali watyikitywa nguGavin Hunt phambi kokuqala kwesizini emva kokunceda iCape Town City kwisizini egqithileyo.

KwiWits ufike wangena zwabha kwindlela edlala ngayo – yiyo lo nto esoloko edlaliswa nguHunt.

Ukuba bekungekho ngenxa yomdlalo wakhe omhle noThulani Hlatshwayo, iMaritzburg ngeyikwazile ukwenza into ebonakalayo eHarry Gwala Stadium kwiveki ephelileyo ngoba ibinamandla kakhulu kwisiqingatha sesibini.

UJohannes uxelele iintatheli okokuba bona (beyiWits) bebeyilindele indlela edlale ngayo iMaritzburg.

“Akukho nto esothusileyo thina ngoba yonke into eyenzekileyo emdlalweni besiyilungiselele. Yonke lo nto ngeke ukwazi ukuyilwa ngabadlali abatsha. Sahlukile kwamanye amaqela ngenxa yokuqina kweentloko zethu singabadlali. Ngoku siyabona ukuba sinalo ithuba lokuhamba side sifike kumdlalo wokugqibela kwiTelkom. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba sizazi ukuba singoobani, yintoni esingcono ngayo, iyintoni esibethayo,” utshilo uJohannes.

“Yonke into ixhomekeke kuthi ukuba sifuna ukukhusela indebe. Siyazi ukuba singayenza lo nto ukuba singayigcina indlela esidlale ngayo,” utshilo uJohannes.

NgoMgqibelo ngentsimbi yesibhozo ebusuku, iWits yamkela iBloemfontein Celtic elushica phantsi kukaSteve Komphela kumdlalo wePSL oza kube useBidvest Stadium. Kulapho iWits iza kuzama ukuphumelela umdlalo ukuze ikwazi ukubuyela phezulu kwiPSL.

pedro.mapelo@inl.co.za