UJohn Comitis uqhayisa ngefolosi yakhe entsha esuka eColombia

UJuan Camilo Zapata ngumdlali omtsha weCape Town City. Umfanekiso: CTC

Akawuvali umlomo usihlalo weCape Town City, uJohn Comitis, emva kokuba kufike umanqanqa wefolosi yaseMelika eqeleni lakhe. UJuan Camilo Zapata welizwe laseColombia yifolosi entsha etyikitywe yiCape Town City kwilinge layo lokugcina indawo yayo phakathi kwamaqela aphambili ebholeni yaseMzantsi Afrika. Ethetha kutshanje, uComitis uthe unexesha elide ezingela umdlalo waphambili osemgangathweni ophezulu njengoZapata. “Kudala sizula sikhangela ifolosi efana noZapata,” utshilo uComitis, eqhayisa ngomdlali wakhe omtsha kraca. “Kudala simbeke esweni ngenxa yendlela adlala ngayo. Niza kuthi ndanditshilo, uZapata uza kuba yingxaki enkulu emaqeleni esiza kudlala nawo,” utshilo uComitis.

Ngokwengxelo, uZapata ufake inqwaba yeshumi elinethoba lonke lamagowuli emidlalweni engamashumi amathathu anesithathu njengomdlali weHermanos Colmenarez ekwiVenezuela Premier League. Ukufika kwefolosi entsha kunokwenzeka ukuba yindlela yokulungiselela ukuphulukana noKhanyisa Mayo – omnye wabadlali ababaluleke kakhulu kwiqela lika-Eric Tinkler. Iingxelo ezithe tshitshilili kumajelo eendaba zithi uMayo, ofaka amagowuli ngendlela efana nekayise uPatrick Mayo, ufunwa yiMamelodi Sundowns. Ingenzeka lo nto xa kuvulwa inyoba yokuthengiswa nokuthengwa kwabadlali ekuqaleni konyaka ozayo.

UTinkler ebemdinga kakhulu umdlali ofana noZapata emva kokuba iCape Town City ingayiqalanga ngendlela encumisayo isizini eqhubekayo. Emidlalweni elishumi elinambini eyidlalileyo iCape Town City, iphulukene nemidlalo emihlanu yonke. Idlale ntanganye kwemine yaze yaphumelela emithathu qha. Ayingomsebenzi omhle lowo kwiCity efale isizini egqithileyo ikwindawo yesibini emva kweSundowns. Emva kweNdebe yeHlabathi eza kuvalwa ngeCawe emalanga eQatar, imidlalo yeDStv Premiership iza kubuya kwakhona. Iqela likaTinklwe liza kwamkela iRoyal AM emdlalweni oza kube useCape Town Stadium ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga yoMnga. Omnye umdlali omtsha nguLorenzo Gordinho. Kanti yena uCraig Martin uye kwi-Orlando Pirates.