UJohn Maduka uyivumile induku yeMamelodi Sundowns!

UJohn Maduka ngumqeqeshi weRoyal AM FC. Umfanekiso: ©Gerhard Duraan/BackpagePix

Emva kokunqumama kwemidlalo yeDStv Premiership ithutyana elifutshane, amaqela abuyela kuyo kwakhona emva kokuxishana kwamanye kwiNedbank Cup kwiveki ephelileyo. Onke amaqela aya emidlalweni enenjongo enye: ukuphumelela ukuze avale isizini ekwiindawo ezihloniphekileyo amanye aphephe ukuthotyiselwa. Emva kokungabethwa emidlalweni emihlanu phantsi kukaJohn Maduka, iRoyal Am imgqubagqubane futhi izikhona amanxeba emva kokuvuthululwa kakubi yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amahlanu kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium ngoLwesibini wale veki.

UMaduka uyivumile induku yeSundowns emva komdlalo watsho esithi angeke iqela lakhe lijongwe ngendlela embi libethwe ziintshatsheli nasemva komdlalo omnye eligqwidize kuwo. Emidlalweni emithandathu iRoyal Am eyidlalileyo ukusukela oko wabuyela kuyo uMaduka, ibiqala ukubethwa kule veki. “Umdlalo siwuqale kakuhle kwisigaba sokuqala kwaye bendiba sakufumana nokuba ngamagowuli amabini. Sithe sakuyekelela, yasibetha iSundowns. Ukuyivumela ilawule umdlalo kusibethile ngoba kuphethe sekungena negowuli ebelingafanelanga kungena. Isongamele esiswini iSundowns ngoba abadlali bethu esiswini nasemva abakwazana ukudlala kakuhle,” utshilo uMaduka emva komdlalo ePitoli.

Ngoku uMaduka unoxanduva lokuqinisekisa ukuba iRoyal Am iqokeleka amanqaku kwakhona emidlalweni ezayo. Lo nto iza kulungiswa emidlalweni ezayo. Andiqondi ukuba sifanelwe kukohlwaywa ngoba sibethwe ziintshatsheli. Zikhona izinto esizifundileyo esicinga ukuba siza kuzilungisa,” utshilo umqeqeshi. Iqela likaMamkhize liza kudibana neMarumo Gallants emdlalweni olandelayo weDStv Premiership ngomhla wokuqala kwinyanga kaTshazimpuzi. Kanti iRoyal Am iza kudibana neKaizer Chiefs emdlalweni weNedbank Cup ekulindeleke ukuba utake iintlantsi kwiphondo laKwaZulu-Natal. Yimidlalo ebalulekileyo kakhulu kwiRoyal Am leyo njengokuba izama ukuvala isizini ikwindawo ehloniphekileyo.