UJohnson ubolulela intambo abadlali bakhe

Umqeqeshi wePlatinum Stars, uCavin Johnson, akaphathekanga kakuhle emva kokubethwa kweqela lakhe ngempelaveki edlulileyo.

IDikwena ibethwe ngamagowuli amabini eqandeni [2-0] kumdlalo we-Absa Premier Soccer League eRoyal Bafokeng Stadium. Phambi komdlalo wempelaveki edlulileyo, iDikwena idlale imidlalo emihlanu ingaphulukananga nawo nomnye umdlalo.

Kodwa ayibethwanga lifokofoko ngoba Amatsatsantsa A Pitori aphumelele umdlalo ngenxa yokudlala ngokuzimisela nangenxa yokuba ebefuna impumelelo. Umdlalo wokuqala phakathi kwala maqela mabini waphunyelelwa yiPlatinum Stars ngo’3-1, le ibiyimpindezelo yeSuperSport United.

Impumelelo ifike ngexesha elifanelekileyo kuba iSuperSport ibidinga amanqaku ukuze ibephakathi kwamaqela asibhozo aphala phambili kwiPSL. Umqeqeshi weDikwena, uCavin Johnson, wenze umsebenzi omhle kakhulu kusukela wabuyela kweli qela. Kangokuba iPlatinum Stars inethuba lokuphetha isizini iphakathi kwamaqela amathathu aphambili kwiPSL, ngoku iDikwena ihleli kwindawo yesithathu emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amane anesine. Ukubethwa kwePlatinum xa kanye isizini ikekela yenye yezinto ezimkhathazayo uJohnson kuba ezimisele ukulwela indawo ephezulu. “Ndicinga ukuba asidlalanga kakuhle kwisigaba sokuqala,” utshilo uJohnson.

“Xa ungalumkanga kwixesha elimiselwweyo lomdlalo, uyohlwaywa. Sidlale ngcono kwisigaba sesibini, kodwa nalapho khange sikwazi ukugqobhoza kudonga leSuperSport United,” utshilo uJohnson. Eyona nto lo mqeqeshi akhala ngayo yingxaki yokuphoswa kwamathuba ngabadlali bakhe.

“Bekufanele sidlale ngcono kunendlela esidlale ngayo. URogers noMabena baphose amathuba. Eyona nto sigxininisa kuyo xa siziqeqesha kukufunda ukugqibezela, kodwa kuyabonakala oko akwanelanga. Kufuneka abadlali bazimisele,” utshilo uJohnson.