UJohnson uthathe indawo kaMolefi Ntseki okhululweyo yiChiefs

UCavin Johnson uthatha indawo kaMolefi Ntseki.

Amakhosi ohlukene nomqeqeshi wawo, uMolefi Ntseki, emva kokuba ekhutshwe kwindebe yesibini kwisithuba senyanga. UNtseki uphume ebaleni ekhuselwe ngamapolisa ngenxa yabalandeli abakhuphele umsindo wabo kuye emva kokuba AmaZulu ebethe iKaizer Chiefs ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCarling Knockout obubanjelwe eFNB Stadium ngorhatya lwangoMgqibelo. Emva kwemini namhlanje iChiefs ikhuphe isibhengezo esithi imkhulule uNtseki emva kweenyanga ezine engumqeqeshi. Ingxelo ithi indawo yakhe iza kuthathwa nguCavin Johnson ongumqeqeshi wethutyana.

“Emva kwentlanganiso yanamhlanje, siye savumelana naye umqeqeshi ngokumkhulula ngesihle ngenxa yezehlo ezenzekileyo kutshanje,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiChiefs kumakhasi onxibelelwano. UJohnson ufike eNaturena kwinyanga ephelileyo emva kokuqeshwa kwakhe njengentloko yezophuhliso (Kaizer Chiefs Youth Academy). “UCavin Johnson uza kuxhuzula imikhala njengomqeqeshi wethutyana encediswa nguDillon Sheppard obelisekela lesibini likaNtseki. UZwane (Arthur) uza kubuyela esikhundleni sakhe sangaphambili njengomqeqeshi wabadlali abasakhulayo,” intshilo ingxelo.

Ukuhamba kukaNtseki bekusoloko kulindelekile ngoba zange amkelwe konke konke ngabalandeli beChiefs emva kokungakwazi kwayo (iChiefs) ukufumana umqeqeshi owaziwayo endaweni kaZwane owoyisakalayo naye kwisizini egqithileyo. Kuye kwakhula uxinizelelo kuNtseki emva kokuba iChiefs iphumelele imidlalo emibini qha kwesixhenxe. Ethetha emva kokukhutshwa kweChiefs kwiCarling, uNtseki uthe: “Ingxaki enkulu ebholeni eMzantsi Afrika kukungabikho komonde kubalandeli. Asinyamezeli xa iziphumo zingancumisi.

Kubi ukubona kusenziwa udushe ngabalandeli kanje. Ngubani ongazinqanda izinto ezinje? Kubakho ukukhathazeka xa ungumntu onosapho ube usehlelwa zizinto ezinje. Ngoku ungumntu waseMzantsi Afrika, abantu abanawo umonde nangona bebona indlela ozimisele ngayo. Kodwa ke ebholeni uyaphumelela, uphinde ubethwe kweminye. Ebholeni icango obungene ngalo lihlala livuliwe xa ungazifumani iziphumo ezihle,” utshilo uNtseki emva komdlalo wakhe wokugqibela eFNB Stadium.