UJomo akakufuni ukubuyela ehlathini!

UJomo Sono uthi impumelelo anokuyifumana kumdlalo omnye ingalisindisa iqela ezembeni. ICosmos inyukele kwiPSL emva kwesizini ka’2014/15, ngoku isebenzela ukungathotyiselwa.

Kungoku nje iCosmos ishiya iMaritzburg United, esendaweni yokugqibela kwiPSL, ngamanqaku amane. Ezenkosi zifumene amanqaku amathathu abalulekileyo kumdlalo ezibethe kuwo elinye lamaqela asokolayo i-University of Pretoria ngo’1-0. Ngoku iComso izakujongana neMaritzburg United, i-Ajax neGolden Arrows. Yonke lo midlalo inzima ngoba onke lo maqela adinga amanqaku.

Ukuze i-Ajax ikwazi ukukhusela iMTN 8, kufuneka ibephakathi kwamaqela aphambili asibhozo xa kuvalwa isizini. “Kufuneka siphumelele umdlalo ubemnye siphinde sidlale ntanganye komnye ngoku. Ngaphandle kwamathandabuzo, AmaTuks ngeke ayibethe iMamelodi Sundowns,” utshilo uSono. Ithemba likaSono kukuba onke amaqela akhuphisana nawo emsileni, asalelwe yimidlalo enzima kakhulu njengelakhe iqela.