UJooste uyiqwabaze amalungu iPirates yaphuma kwiMTN 8

Thabiso Monyane of Orlando Pirates challenges Peter Shalulile of Highlands Park during the MTN8 2019 Quarter Final match between Orlando Pirates and Highlands Park Sporting on the 17 August 2019 at Orlando Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Iphumile i-Orlando
Pirates kwiMTN 8 emva kokubethwa yiHighlands ngo’1-0 emdlalweni obutaka
iintlantsi e-Orlando Stadium ngorhatya lanamhlanje. UWayde Jooste nguye ofake
igowuli eliyophule amalungu iPirates yatsho yaphuma kwMTN 8 emdlalweni obunzima.
Namhlanje uRhulani Mokwena uxhuzule imikhala okokuqala emva kokubeka phantsi
kukaMilutin Sredojevic ngesaquphe njengomqeqeshi wePirates izolo ebusuku. Umdlalo
ubushushu ukusukela emzuzwini wokuqala. Omabini amaqela asukelene futhi
kubonakala okokuba afuna ukubhalisa ebhodini kwangoko emdlalweni. Ezimnyama
bezihlasela ngoThembinkosi Lorch, uVincent Pule noJustin Shonga. Kwelayo icala
iHighlands ibihlasela ngoLindokuhle Mbatha noTendai Ndoro.

Emva kokuphela
kwesigaba sokuqala iHighlands
Park
iphala phambili
ngegowuli likaPeter Jooster, kwesesibini isiqingatha, umdlalo uthathe apho
ubuyeke khona kwesokuqala. Amabhakaniya abuye enamandla kakhulu. ULorch noLuvuyo
Memela ngabona badlali abebeyinkathazo – kodwa iHighlands Park
ikwazile ukumelana neengxaki. Naye kwelakhe icala iWayne Sandilands ebexakekile
ziibhola ebezivela macal. UPeter Shalulile noTendai bagcine abadlali bePirates
basemva phantsi koxinizelelo. Kuthe xa kubonakala okokuba kuphela ixesha
kungekho nto eyifumanayo iPirates, uRhulani Mokwena ufake abadlali ababini
ngelizama ukufumana igowuli lokulinganisa – kodwa ngelishwa, kuphele umdlalo
ingakwazanga ukufumana igowuli.

  

Pirates: Sandilands, Jele, Ndengane, Maela, Motshwari, Nyatama, Monyane,
Pule, Lorch,  Shonga,  Mulenga.

Amalalela: Mpontshane, Chabalala, Mbekile,
Dlamini, Memela, Makaringe, Mabasa.

Highlands: Ngobeni, Mokoena,
Ramoraka, Rae, Mzava, Makhaula, Mahlangu, Mbatha, Shalulile, Mvala, Ndoro.

Amalalela: Heugh, Mogaila, Fransman, Williams,
Jooste, Nyembe, Munyai.