UJordaan ufuna iDowns iqinise kwimidlalo yeCaf

Umongameli weSouth African Football Association [SAFA], uDanny Jordaan, uvuyisene neMamelodi Sundowns ngokuphumelela indebe ye-Absa Premier Soccer League ka’2015/16.

Eli qela lasePitoli libeziintshatsheli ngokusesikweni emva komdlalo eliwuphumelele ngo’3-0 libetha i-University of Pretoria eTuks Stadium kwiveki ephelileyo. “SiyiSAFA sithi huntshu kwiMamelodi Sundowns iyonke, abaqeqeshi bekhokelwa nguPitso Mosimane, abadlali nabalandeli ngomsebenzi onmhle abawenzileyo.

Kwakhona nibonisile ukuba eyona nto ibalulekileyo sisiphelo ngaphezulu kwesiqalo.

UMosimane uyifumana okwesibini le ndebe kwiSundonws emva kokuphumelela iTelkom Knockout kunyaka ophelileyo, lo nto ibonisa kakuhle ukuba uwenza kakuhle umsebenzi wakhe.

“Ndiyamazi uPitso, umsebenzi wakhe uwenza ngenyameko nangokukhuthala okukhulu, uzinikele emsebenzini wakhe. Iyancomeka kakhulu lo nto,” utshilo uJordaan.

Njengokuba iSundowns isadlala kwiCaf Confedration Cup, uJordaan uyiphosele umcelimngeni. “Siyinqwelela amathamsanqa njengokuba iDowns iyiyo kuphela emele uMzantsi Afrika. Sithi kuyo mayimele ilizwe lonke kwaye iphakamisele phezuli iflegi yelizwe,” utshilo uJordaan.

IiBrazillians ziphumelele indebe yePSL ityeli lesixhenxe ukusukela mhla yasungulwa ngo’1996. Kule midlalo mibini ishiyekileyo iSundowns izakube idlalela ukwenza imbali njengelona qela liphumelele indebe ngamanqaku angaphaya kwamashumi asixhenxe.

UPitso uyibeke yacaca into yokuba abazukuyekelela umxakatho ngenxa yokuba indebe seyiphunyelelwe liqela lakhe.