UJordaan ushiyeke yedwa emva kokurhoxa kukaNcobo kugqatso lweSafa

Ugqirha Danny Jordaan, uPhillip Chiyangwa no-Ace Ncobo emva kwentalnganiso ebibanjelwe eSandton, eGoli, namhlanje. Umfanekiso: Facebook

Emva kotshintshiselwano
ngamazwi esidlangalaleni phakathi komgqatswa nombutho olawula ibhola eMzantsi
Afrika, iSafa, ngeyona ndlela eyamkelekileyo emayilandelwe xa kusonyulwa
iinkokeli, namhlanje kudityaniswe iintloko ziinkokeli emva koko kwaxolelwana. UMnumzana
u-Ace Ncobo (ogama lakhe beliphakanyisiwe njengomgqatswa) nomongameli weSafa,
uDanny Jordaan, baxolele ngako konke abebengaboni ngasonye ngako emva kokungelela
kweFIFA. Umbutho olawula ibhola kwihlabathi, iFIFA, uthumele umongameli
weCOSAFA ophuma eZimbabwe, uPhillip Chiyangwa, kwilizwe loMzantsi Afrika ukuze
azokusombulula intsindabala ebekubonakala ukuba ungabeka ibala elibi ulawulo
lwebhola yeli lizwe.

Ungenelelo lweFIFA
lwenzeke emva kokuba uNcobo eyibhalele eyazisa ngokunyhashwa kwemithetho
elawula ulonyulo lweenkokeli ngabakhokele iSafa. Namhlanje uChiyangwa ukhwebe
iindibano neentatheli eSandton, eGoli – axele kuyo iziphumo zentlanganiso
ekushukuxwe kuyo imbambano ebiphakathi kukaNcobo noSafa. Umongameli weCOSAFA,
obedibanisa imihlambi eyalanayo egameni leFIFA, uxelele iintatheli ukuba uNcobo
noJordaan ngemiba ebisidla umzi nangokuba uNcobo akasazukugqatsela isikhundla
seSafa. Lo nto ithetha ukuthi uJordaan uza konyulwa ngaphandle kokuphikiswa
ngomhla wolonyulo.

“Into
endinqwenela ukunazisa yona kukuba kukho isivumelwano esityikityiweyo ngamacala
omabini – kodwa andingenokwazi ukuyenza kukudiza iinkcukacha. Isivumelwano siyimpendulo
yemibuzo echaphazela ulonyulo olubekelwe umhla wamashumi amabini anesine kule
nyanga yoKwindla. Phambi kolonyulo, kuza kuchongwa ikomiti yabantu abazakuchophela
ulonyulo. Kuvunyelwene ukuba uNcobo akazulungenela ulonyulo,” utshilo uChiyangwa.

Kwangoko
uChiyangwa ubuziwe ukuba ingaba ulonyulo luqhubela phambili kusini na ngomhla
owawubhengeziwe ngaphambili yiSafa. Impendulo yakhe khange icace. “Ngokokwazi
kwam kukho umgaqo-siseko oyixelayo indlela emaluhambe ngayo ulonyulo.
Ayikabikho ikomiti yolonyulo, kunzima ukuphendula umba wolonyulo. Akukho
lonyulo olwakuhlalelwa ingekho ikomiti yolonyulo. Isigqeba esilawulayo kwiSafa
sichophele loo mba ngoku. Andifuni ke ukuthethela iSafa, yiyo eza
kuziphendulela,” uvale ngalo mazwi uChiyangwa.

Emva kwentlanganiso
ekhawulezileyo ekhwetywe namhlanje, iSafa kulindeleke ukuba ize nomkhombandlela
ocacileyo malunga nenkqubo yolonyulo olukwiveki ezayo.