Emva kweeveki ezimbini umdlali welizwe loMzantsi Afrika ebhengeze ukuba akazimiselanga kulisabela ubizo xa ebizwa kwiqela lesizwe lebhola ekhatywayo, kubonakala ngathi umbutho olawula ibhola eMzantsi Afrika uzimisele ungenelela.
Umdlali siswini weFC Twente, uKamohelo Mokotjo, ubhengeze ukulahla kwakhe kwiBafana Bafana ngenxa yokunganikwa thuba lakudlala nangona engomnye wabadlali beli loMzantsi Afrika abadlala kakuhle phesheya kolwandle. Oku ukuthethe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo kwiphephandaba laseDutch.
Umongameli weSAFA, ugqirha Danny Jordaan, uthe akunolunga ukuba eli lizwe liphulukane nomdlali ofana noMokotjo, watsho ethembisa ngokuthetha nalo mdlali ukuze azivele ingxaki yakhe. “Kubalulekile ukuthetha naye, sive kuye, kodwa sesifundile ngezinto azithetheliyo.
Asinokwazi ukuphulukana netalente. Ebefumene iwonga lokuba ngumdlali oqaqambileyo emdlalweni kutsha nje, kunyanzelekile sithethile naye,” utsho uJordaan.
Lo kaMokotjo unikele umva ilizwe lakhe ngexesha elibi ngoba iBafana Bafana isecicini lokuphoswa yi-2017 AFCON emva kokuba ingakwazanga ukuqokelela amanqaku oneleyo kwimidlalo emibini eyidlale neCameroon kwinyanga ephelileyo.
UMokotjo bekulindeleke adlale indima ebonakalayo kwiqela lesizwe njengo-Andile Jali no-Anele Ngcongca kodwa akubanga njalo ngenxa yokungasetyenzisa nguShakes Mashaba.
Le ndedeba ithi iyakubuyela kwiBafana Bafana xa izinto zitshintshile. Ukusukela oko lo mdlali wathi wenza esi sibhengezo esashiya abantu abaninzi bothukile, uMashaba, akakathethi ngalo mba.
UMashaba uphantsi koxinizelelo ngoba isivumelwano sakhe neSAFA sithi kufuneka athathe iqela lesizwe alise kwitumente ye-Afrika [2017 AFCON] nakwi-2018 FIFA World Cup ezakube iseRussia.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo