Umqeqeshi we’Orlando Pirates, uJose Riveiro, ukholelwa kwelokuba iqela lakhe lifumene umdlali osemgangathweni ophezulu kakhulu. Oku ukuthethe emva kokuba iPirates ityikitye uDeano Van Rooyen obedlalela iStellenbosch FC.
UVan Rooyen, 27, uza kuqala ubomi obutsha kwiPirates emva kokudlalela iStellies iminyaka esibhozo yonke. Njengokuba iPirates iza kuxakeka kakhulu yimidlalo yeBetway Premiership, eyeendebe neCAF Champions League – umdlali onjengoVan Rooyen uza kunceda ngoba unamava.
“Ungumdlali onamava kakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika kwikhabathiso akulo ngoku. Into encomekayo ngaye kukuba unawo amava okulwela iindebe emva kokwenza umsebenzi omhle kakhulu kwiStellenbosch FC.
“Uza kuncedisa kakhulu abadlali bethu abadlala emva naxa iqela lihlasela,” utshilo umqeqeshi izolo. Emva kokuba eZimnyama ziqhube kakuhle kwisizini ephelileyo, kulindeleke ukuba zilwele ukwenza into ebonakalayo emidlalweni yeCAF Champions League.
IPirates yamkele abadlali abaliqela kwisizini eqale kwiveki ephelileyo ngoba ikhangela indlela yokubhukuqa iMamelodi Sundowns egqugqise iminyaka esixhenxe ilandelelana ebholeni yaseMzantsi Afrika. “Sibamkela ngovuyo abadlali abatsha ngoba bonke beza eqeleni lethu befanele.
“Ndifuna ukunqwenelela okuhle uVan Rooyen njengabanye abadlali. Futhi ndifuna ukutsho ukuba ndiqinisekile ukuba uza kusinceda kakhulu kule sizini,” utshilo uRiveiro oneendebe ezine egameni lakhe.
IPirates ibonise indlela emxabise ngayo uVan Rooyen ngokumnika isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu nemibini ngaphezulu ekupheleni kwaso. URob Benadie umkhulule ngesihle uVan Rooyen athe wenze ngokwaneleyo kwiStellenbosch.
“Kuhle ukubona umdlali esuka ezantsi akhule ade abe yinkokeli ehloniphekileyo yeqela. Siyalibulela igalelo alenzileyo nakuzuzileyo kwaye simnqwenelela okuhle kodwa ebomini bakhe,” utshilo uBenadie oyingqonyela yeStellenbosch FC.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi