UJose Riveiro ubavale umlomo ngendebe abagxeki bakhe

Umqeqeshi wePirates, uJose Riveiro, exhagwe ngabancedisi bakhe. Umfanekiso: ©Gerhard Duraan/BackpagePix

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uJose Riveiro, ubavale umlomo abagxeki nabo bonke ababe nemibuzo emva kokuqeshwa kwakhe lelinye lamaqela aphambili ebholeni yaseMzantsi Afrika. Kungaphelanga neenyanga ezintandathu efikile eMzantsi Afrika, uRiveiro uphumelele indebe yakhe yokuqala. Oku kwenzeke kwiveki ephelileyo emva kokuba iPirates ibethe AmaZulu ngo’1-0 emdlalweni wokugqibela weMTN8 obubukelwe ngabathandi bebhola ekhatywayo ebangaphaya kwamashumi amahlanu amawaka eMoses Mabhida Stadium. Abaqeqeshi abasuka eYurophu bengenayo imbali yokuphumelela iindebe kuye kuthiwe ngabatywini (Plumbers).

Ngokuphumelela kwakhe iMTN8 Cup, uRiveiro ulihlambile igama lakhe ngoku. Kodwa emva komdlalo, umqeqeshi weBucs uthe impumelelo yakhe akaphenduli ngayo abantu abamgxekayo. Uyivuyeleyo kekambe impumelelo ezuzwe liqela lakhe uRiveiro watsho esithi yena ungumqeqeshi into ayiyo. “Impumelelo yethu ayondlela yokuphendula abantu abandigxekayo. Ndingumqeqeshi, ndenza umsebenzi wam qha apha. Umsebenzi ndawunikwa ngoba ndababonisa abaphathi bePirates ukuba ndikufanele ukuqeqesha iqela labo,” utshilo uRiveiro emva komdlalo eThekwini kwiveki ephelileyo.

“Zininzi izinto ezifunekayo ukuze iqela lifumane impumelelo. Ewe, ndim onikwe uxanduva lokuguqula isimo ekuso iPirates – kodwa andinawo amandla wokulawula okucingwa ngabantu ngam. Yiyo lo nto ndingazikhathazi ngabo. Mna ndabona ithuba lokwenza umahluko kwiqela elikhulu elifana nePirates. Ndiyababulela nangoku abaphathi bam ngokundinika ithuba lokuqeqesha iPirates,” utshilo uRiveiro. Iqela lakhe liya emdlalweni weCarling Black Label Cup eliza kudibana kuwo neKaizer Chiefs linamandla emva kweMTN8. Kodwa abalandeli bangavuya ukuba iPirates ingabuyisa isixhiba emva kokuba ibethwe yiChiefs kwinyanga ephelileyo. Umdlalo weCarling Black Label oza kugabula izigcawu eFNB Stadium kusasa ngoMgqibelo uphakathi kweMamelodi Sundowns naMaZulu ngentsimbi yethoba.