Emva kokuphumelela emdlalweni ogqithileyo, i’Orlando Pirates ihleli phezulu kuGroup C weCAF Champions League. Oku kwenzeke emva kokuba iPirates ibulele iStade d’Abidjan ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obubanjelwe e’Orlando Stadium ngempelaveki egqithileyo.
Amagowuli ephumelele ngawo iPirates afakwe sisiququ uRelebohile Mofokenge emzuzwini wamashumi amabini anesibini kwisigaba sokuqala. Kwangoko kwisigaba sesibini somdlalo, uPatrick Maswanganyi ufake igowuli lesibini laze elesithathu lafakwa nguDeon Kavendji ogwaze umkhonto ekhaya kushiyeke imizuzu emihlanu kuphele ixesha lomdlalo.
Emva kokuqokelela isibhozo samanqaku emidlalweni emine, uJose Riveiro uqinisekisile ukuba ngeke iqela lakhe liyekelele umxakatho emidlalweni emibini elandelayo. Ukuphumelela kwePirates kuyincede kakhulu ngoba ngoku ith qelele kumaqela afana ne’Al Ahly yaseYiphutha.
“Ukuhlala kwethu phezulu kuGroup C ngeke kube yingxaki, ndithembe. Sinezinto esizifundayo emdlalweni ngamnye. Kowanamhlanje sigqibe umdlalo sinabadlali abahlanu abasuka kwiDiski Challenge. Bafumana amava aza kuba nceda baqonde indlela ekusetyenzwa ngayo kule ndawo esikuyo ngoku,” utshilo uRiveiro emva komdlalo ngempelaveki.
Umqeqeshi uthe iqela lakhe liqhube kakuhle ngoba libeke phambili izinto elifuna ukuzenza nokuzimisela kule sizini. “Ukusebenzisana yeyona nto esincedayo. Emdlalweni ebekhona amaxesha ekuye kwafuneka ukuba sizibonakalise ukuba siliqela elisemgangathweni ophezulu. Abantu bathe gabhu kwizinto zoyolo – kodwa thina silapha ngoba sizibophelele kwizinto zeqela,” utshilo umqeqeshi.
Ezimnyama ziza kudibana neCR Belouizdad emdlalweni weCAF Champions League olandelayo ekuthambekeni kwale veki ngoLwesihlanu. Ukuphumelela kwazo kwakuqinisekisa indawo yazo kumjikelo olandelayo weChampions League. “Nangona siza kudlala neCape Town City Phakathi evekini – kodwa siza kuzilungiselela kakuhle phambi kokudibana neCR Belouizdad.
“Asithethi ngezinto ezinokwenzeka okwangoku. Siza kuthetha ngomdlalo olandelayo xa sidibene ngoba asifuni ukuphazanyisekakuba sifumene iziphumo ezihle. Thina sazi kakuhle ukuba kulula kanjani ukulahlekelwa yindawo emidlalweni xa uyekelele umxakatho,” utshilo uRiveiro phambi komdlalo olandelayo weCAF Champions League.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!