UJose Riveiro ulindele umlo wendebe yeBetway Premiership ube nzima kakhulu kule sizini. Oku ukuthethe emva kokuba i’Orlando Pirates ivuthulule iMarumo Gallants ngemvula yamagowuli asibhozo kwelinye ekuqaleni kwale veki e’Orlando Stadium.
Indoda ezenzele igama emdlalweni ogqithileyo nguTshegofatso Mabasa ofumene amagowuli amathathu eyedwa. Amanqaku amathathu agcine iPirates ihleli kwindawo yesibini emva kweMamelodi Sundowns ekwindawo yokuqala.
Nakubeni iPirates isemva ngamanqaku amathathu kwiSundowns – kodwa isenomdlalo enawo engekawudlali. URiveiro uwamkele ngovuyo amanqaku amathathu afunyenwe liqela lakhe emdlalweni ovelise amanqaku alithoba.
“Benzima ekuqaleni komdlalo kumaqela omabini. Nangona bekukho ukuphazamiseka kwindlela ebesidlala ngayo – kodwa sikwazile ukulawula umdlalo,” utshilo umqeqeshi echwayitile emva komdlalo.
Amaqela aye kwixesha lokuphumla enethemba lokuhle ngoba akwazile ukubhalisa ebhodini kwisigaba sokuqala somdlalo. “Bekufanele ukuba senze umsebenzi obhetele kwisigaba sokuqala ngoba amathuba okwenza oko ebekhona. Okuncumisileyo kukuba sidlale kakuhle emva.
“Igowuli esilifumene kwangoko kwisigaba sesibini linike abadlali bethu ukuzithemba kakhulu. Sifumene iziphumo ezihle ngoba sikwazile ukukhabela ezipalini kakuhle,” utshilo uRiveiro osenethemba lokuphumelela umdlalo osesandleni atsho aqabele ngaphezulu kweSundowns.
“Ndilindele umlo wendebe ube nzima kude kuphele isizini. Lo ngumdlalo wethu wethoba – kodwa uyabona nje ukuba sisenomsebenzi onzima esiza kuwenza. Umdlalo ngamnye ubalulekile futhi unzima. Into endonwabisileyo kukuba abadlali bavele bazicacisa ukuba bafuna ntoni emdlalweni wanamhlanje.
“Badlale kakuhle kakhulu,” uvale ngaloo mazwi umqeqeshi. Kulindeleke ukuba iPirates iqhubela phambili nokuqokelela amanqaku apheleley xa idibana neMagesi FC emdlalweni ongempelaveki. Ukuba iphumelele iPirates, iza kuqabela ngaphezulu kweSundowns.
UKumkani uMisuzulu uwurhoxisile umtshato wakhe wesintu