UJose Riveiro uvuyela iPirates ebuyela kwiChampions League

Wonwabe kakhulu uJose Riveiro emva kokuba i’Orlando Pirates ikwazile ukuzibekela indawo kwiCAF Champions League ngomzuzu wokugqibela. Oku kwenzeke emva kokuba iPirates ibambene neSuperSport United ngo’1-1 emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe e’Orlando Stadium emalanga ngoMgqibelo ogqithileyo.

Igowuli elifakwe nguTshegofatso Mabasa lithathe iPirates layibeka kwindawo yesibini kanye xa kuvalwa isizini. Kwenzeke kanye into ebifunwa nebisilwelwa ngumqeqeshi wayo iPirates engaqhubanga kakuhle ngexesha elibi sekusongwa isizini.

Inyukele kwindawo yesibini iBucs kuba iStellenbosch FC ibethwe yiRichards Bay ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obuseKing Zwelithini Stadium. Ngelishwa ukuphumelela kwayo iRichards Bay akuyincedanga ngoba iza kudlala imidlalo yokuxabangela (PSL PlayOffs) kwiveki ezayo.

Ethetha emva komdlalo, uRiveiro uthe iPirates iza kudlala ngcono kwiChampions League emva kokukhutshwa kwayo kwangoko liqela laseBotswana kunyaka ophelileyo. “Iziphumo zomdlalo zisinike kanye le nto besiyifuna,” utshilo umqeqeshi echwayitile emva komdlalo.

“Ndivuyisana naye wonke obenegalelo ekufumaneni kwethu indawo yesibini – kodwa kwangaxeshanye, ndifuna ukuncoma iStellenbosch edlale kakuhle kakhulu kule sizini. Sithi namhlanje abavala isizini bekwindawo yesibini – kodwa umahluko phakathi kwethu nayo mncinci kakhulu.

“Kuhle kakhulu xa iqela elifana nePirates lisiya kwiChampions League kwakhona. Siza kuqinisekisa ukuba iPirates iwumela bhetele uMzantsi Afrika kunangaphambili,” utshilo uRiveiro obephantsi koxinizelelo kancinci emva kokuba iBucs ibethwe yiRichards Bay neTS Galaxy emidlalweni ilandelelana.

Ekuqaleni kwesizini, uRiveiro wayenenjongo yokukhuphisana neMamelodi Sundowns ethwaliswe isithsaba ngempelaveki egqithileyo – kodwa akubanga njalo ngoba iqela lakhe belimane ligqwidiza endleleni. Umsantsa ovulwe yiSundowns awumonwabisanga uRiveiro. “Andifuni sikujongele phantsi ukuya kwethu kwiChampions League.

“Sivuyela ukuya kuyo, hayi ukuba kwindawo yesibini. Ukusukela ngoku, injongo yethu iza kube ikukucutha umsantsa phakathi kwethu neqela eliphambi kwethu. Mkhulu umsantsa ovulwe yiSundowns,” utshilo uRiveiro. UMabasa uvale isizini ephambili ngamagowuli elishumi elinesithandathu.