Umqeqeshi we’Orlando Pirates, uJose Riveiro, uzenzele imbali ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika nakubeni kwakukho ukumthandabuza ekufikeni kwakhe ngonyaka ka2022. Emva kokuba iPirates ibethe iRichards Bay ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eSoweto, uRiveiro ufince ikhulu lemidlalo engumqeqeshi.
Yinto enkulu kuye ngoba wenze into enqabileyo kubaqeqeshi abasuka kwamanye amazwe ekusoloko kukho ingxoxo ngabo ebholeni yalapha eMzantsi Afrika. Ekhulwini lemidlalo, uRiveiro ibethwe emidlalweni engamashumi amabini ananye. Udlale ntanganye kwelishumi elinesixhenxe waze waphumelela engamashumi amathandathu anesibini.
Kuko konke okwenzekileyo, okubaluleke kakhulu kukuba unike iPirates iindebe ezintlanu zonke. Ziindebe ezintathu zeMTN8 nezimbini zeNedbank. Emva komdlalo ogqithileyo, uRiveiro uthe mhla wayetyikitya isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu, wakwenza oko enethemba lokuqhuba kakuhle. “Xa uqala umsebenzi omtsha, usoloko ufuna ukwenza kakuhle.
“Injongo ephambili kukwenza kakuhle ngamaxesha onke. Yinto enkulu kum ukuba ngumqeqeshi wePirates. Liwonga elikhethekileyo kum ukuba kwindawo endikuyo ngoku,” utshilo umqeqeshi emva kokuba iqela lakhe liphumelele imidlalo esixhenxe kwiBetway Premiership ilandelelana kule sizini.
Ubalule umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe njengeyona nto ephambili ebangele akwazi ukwenza umsebenzi awenzileyo kwiPirates. “Imidlalo esiyidlalileyo ihambelana nomsebenzi esiwenzileyo. Sineqela elisemgangathweni ophezulu. Kule sizini, nakwezigqithileyo, sikwazile ukulwela okusifaneleyo.
“Kumnandi ukuthetha ngekhulu lemidlalo – kodwa lo nto siza kuyiphosa ngasemva ngomso sicinge ngomdlalo olandelayo. Andifuni ukuxoka, nsiyazingca ngomsebenzi owenziwe liqela futhi sinethemba lokuhle okuzayo,” uvale ngaloo mazwi uRiveiro. IPirates iza kudibana neStellenbosch emdlalweni weBetway ekupheleni kwenyanga.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman