UJoseph Molangoane angawahlangula Amakhosi

UJoseph Molangoane we-Kaizer Chiefs

Amakhosi kule isizini adikidiki, lo nto iyabaphazamisa abalandeli abayintlekisa abazizigculelo kule mihla.

Kodwa ukufika kukaJoseph Molangoane kuze nethemba.

UMolangoane utyikitywe yiKaizer Chiefs kutsha nje. Ukufika kwakhe eNaturena kulandela imbambano yesivumelwano somsebenzi ebiphakathi kwakhe neChippa United.

Akachithanga xesha uSteve Komphela, uyithumele edabini ifika injalo le ndedeba. Kwiveki ephelileyo, uMolangoane udlale umdlalo wesithathu kwiChiefs.

Ubukho bakhe benze umahluko zisuka futhi wabuya negowuli ngethuba iChiefs itheba iPolokwane City ngo’3-2. Njengokuba iphupha lalo mdlali lokudlalela Amakhosi lide lazaliseka – uthi uziva onwabile kakhulu.

“Bendiyikhumbula ibhola. Ndike ndasokola kakhulu kulo nyaka – kodwa ndiyavuya ngoba ndibuyele ebholeni,” utshilo uMolangoane kwikhasi lomnatha leChiefs.

“Andazi nokuba ndingayichaza kanjani le nto, ukuba yinxalenye yeChiefs yinto entle, ukufaka igowuli kwiPolokwane yinto enkulu kakhulu. Kum yonke into endiyenzayo, ndiyenzela iqela lam. Emva kokufaka igowuli, ndiye ndaqonda kwakamsinya ukuba lo nto yeyeqela – okwam nje kukuncedisa,” utshilo uMolangoane.

Abadlali beChiefs bephantsi koxinizelelo emva kokudlala imidlalo emininzi bengaphumeleli kule sizini – lo nto ibahewulise ngabalandeli, ngakumbi uKomphela ongafunwayo ngabanye abalandeli.

UMolangoane ngumdlali othanda umdlalo obalekayo, akoyiki ukusukela amadoda xa edlala futhi unesibindi. Ifuthe lakhe emdlalweni weChiefs nakwabanye abadlali selibonakele kule midlalo idlulileyo.

Lo ngomnye wabadlali ongothula umthwalo emagxeni kaKomphela – oncome kakhulu uKaizer Motaung emva kokumnika inkxaso ngexesha lobunzima.

Amakhosi aphakathi kwamaqela aphambili kwiPSL – kodwa aqhwayele emva kwimidlalo eliqela kule sizini. Mhlawumbi uMolangoane angazincedisa iifolosi zeChiefs eziphosa mathuba.