UJosta Dladla uthi ulindele lukhulu kuNkosingiphile Ngcobo xa kuvulwa isizini

UNkosingiphile Ngcobo ngumdlali odlala esiswini kwiKaizer Chiefs. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Owayedlalela iKaizer Chiefs kwiminyaka egqithileyo, uJosta Dlala, uthi usalindele izinto ezinkulu kuNkosingiphile Ngcobo eminyakeni ezayo. UDladla ukuthetha oku ngexesha elibi uNgcobo esalwela indawo yakhe kwiChiefs eqeqeshwa nguArthur Zwane. Phantsi kwesandla sikaGavin Hunt, abadlali abafana noNgcobo babeqhathula futhi benendima ebonakalayo abayenzayo abadlali abasakhasayo. Yaguquka lo nto kwakufika uStuart Baxter owathi akayazi indawo anokumdlalisa kuyo uNgcobo kwiChiefs. Iintetha ezinjalo zange zihlale kakuhle kubalandeli abalaziyo unyawo likaNgcobo.

Akumka uBaxter, khange kube lula nalapha phantsi kukaZwane – kodwa phambi kokuvalwa kwemidlalo yeDStv Premiership kwinyanga ephelileyo, uNgcobo wenze adume ngazo iChiefs idlala ne-Orlando Pirates. Ubukho bomdlali onamava ofana noKeagan Dolly kunomthelela ekungadlalini kwakhe uNgcobo oyimveliso yeChiefs Academy. UDladla uthi kungekudala, uNgcobo uza kube engomnye wabadlali ababalulekileyo kwiChiefs phantsi kukaZwane. “UNgcobo, 23, ngumdlali webhola ekhatywayo osemgangathweni ophezulu. Kwisizini egqithileyo, ngoyena mdlali obeyinceda iChiefs xa isokola emidlalweni,” utshilo uDladla owachitha iminyaka emithandathu njengomdlali weChiefs.

“Asiyazi into ebangela ukuba angadlali. Ngumqeqeshi yedwa owaziyo – kodwa kum, ngoyena mdlali onokuyinceda iChiefs xa kufuneka idale amathuba emidlalweni futhi uyakwazi nokufaka amagowuli. Emdlalweni obuphakathi kweChiefs nePirates kwinyanga ephelileyo, wangena wandlala kakuhle kakhulu noxa wayebonakala ukuba ubuthuntu ngenxa yokungadlaliswa rhoqo. Kufuneka alinikwe ithuba lokulwela indawo yakhe ukuze kunyuke ukuzithemba kuye,” utshilo uDladla kwi-IOL Sport. Amakhosi aza kubuyela enkomeni ekupheleni kwale xa edibana neGolden Arrows emdlalweni weDStv Premiership oza kube useMoses Mabhida Stadium. Emva kwesiqalo sesizini esidikidi, uZwane uza kulwela ukuvala umsantsa omkhulu ophakathi kweChiefs neSundowns ehleli kwindawo ephezulu kwiDStv Premiership.