UJubase unceda ulutsha ngemidlalo eMthatha

Umsasazi weendaba kwisikhululo sasekuhlaleni eMthatha, iUnitra Community Radio, usungule iziko lezokuphuhlisa ulutsha kwezemidlalo, iJubase Youth Academy.

Iinjongo zikaHoseya Jubase, 28, kukunika amantombazana asakhulayo ithuba lokubonakalisa italente yawo kwibhola ekhatywayo.

Kwiziko lemidlalo (Sport Academy) likaJubase kukho icandelo lababhali bemibongo nabafuna ukuba ngabadlali beqonga. Ebutsheni bale nyanga, lo msasazi weUCR FM ubhalise iqela lakhe kwiSAFA Women’s OR Tambo Regional League kwisithili saseO.R.Tambo ukuze iqela lakhe likwazi ukudlala. Imidlalo kulindeleke ukuba iqale ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga ezayo, ngokokutsho kukaJubase.

Nakubeni iintsuku zokuqala kweTambo Regional League zisondele, iqela likaJubase lisajongene nengxaki yokungabinayo ikiti yokudlala ngoba lisalinde iimpendulo kubaxhasi abathe bafaka kubo iincwadi zesicelo.

Kungokunje uJubase uhlaba ikhwelo nakomnye umntu onokwazi ukubathengela impahla yokudlala, aphinde ancedise kwiphulo lakhe lophuhliso ukuze liye phambili.

Lo msasazi akamtshanga kwizinto ezijongene nophuhliso lolutsha afuna ukulibhekelisa kwiziyobisi.

Kwiminyaka edlulileyo ukhe waqokelela amakhwenkwana namantombazana asakhulayo wawadlalisa ibhola, ngelo xesha ebesahlala eCala.

Uphindile ngethuba ehlala eNgangelizwe, eMthatha, wenza le nto inye. Njengokuba ngoku ethathe isigqibo sokuba akhulise umbono wakhe ngokubhalisa iqela lakhe kwiSafa.

Eyona nto ayibeke phambili uthi ufuna ukuba negalelo ekuphuhliseni amantombazana kwezemidlalo, alwe nento yokukhulelwa kwawo ngokuwagcina exakekile emidlalweni ukuze arhwebeshe nolutsha kwiziyobisi.

Kulo mbono wakhe, uJubase ukhe wafowunelwa nangabanye abadlali abakumaphondo afana nooFree State naseGauteng befuna ukuncedisa ngamava abanawo kwibhola ekhatywayo.

Kodwa usabamisile kuba esakhangela abaxhasi okwangoku. Yonke into ayenzayo uye akhuphe kuye epokothweni.