UJudas no-Obinna bancede iCity, eCape Town Stadium

Iqokelele amanqaku apheleleyo kwakhona iCape Town City kwidabi laseKapa ngale njikalanga. ICity ibethe i-Ajax Cape Town ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obunika umdlalo kakhulu eCape Town Stadium. Umdlalo utak’ iintlantsi zisuka kanye ngendlela ebekulindeleke ngayo xa kudibene la maqela waseKapa kwaye abalandeli bebhol’ elikhulu bagoduke bexolile ngenxa yomgangatho womdlalo obuphezulu.

Amagowuli kulo mdlalo afakwe sisitshovu-tshovu sefolosi efikayo egama linguVictor Obinna – oqale umdlalo, noJudas Moseamedi ongene kwisiqingatha sesibini. UBenni McCarthy ukhethe ukuqala umdlalo namhlanje ngomdlali wakhe omtsha, uVictor Obinna, ngenxa yamava awafumene ngethuba edlalela amaqela aseYurophu. ULehlohonolo Majoro – oyena mdlali obesoloko eqalisa yena uMcCarthy kwimidlalo engaphambili, akadlaliswanga – lo nto isebenzile ngoba abadlali be-Ajax bebengayazi eyona ilindelekileyo ku-Obinna.

Isiqalo besivele satshisa zisuka, amakhwenke kaBenni ngawo ahlasele kuqala – kodwa uBrandon Petersen noRoscoe Pietersen bakwazile ukunqanda amanzi engena endlini izihlandlo eziliqela. Igowuli lokuqala lifakwe kwimizuzwana phambi kwexesha lokuphumla. YiCitizens elawule umdlalo kwaye ukukhokela kwayo akothusanga konke konke. Zijikile izinto kwisigaba sesibini; iJax ikwazile ukuwuqokelela umdlalo wayo kwaye ibingena kumhlaba weCity nangona ingakwazanga ukugqobhoza ekugqibeleni. Impumelelo yeCity iyibuyisela phakathi kwamaqela amathathu aphezulu kwiPSL. Ukubethwa kwe-Ajax kuyibuyisela emva ngakumbi emva kwesiqalo esingancumisiyo kule sizini.

Komnye umdlalo, iGolden Arrows idlale ntanganye ngo’1-1 neChippa United kumdlalo wePSL obudlalelwa ePrincess Magogo Stadium. Abafana Bes’thende basahleli phezulu – logama yona iChippa idlale ntanganye ityeli lesine namhlanje phantsi kukaTebogo Moloi ongene endaweni kaDan Malesela ogxothwe kwezi veki zidlulileyo.

Ajax Cape Town: Petersen, Evans, Pietersen, Booysen ,Lebusa, Mosadi, Margeman, Morris, Nhlapo, Kabwe, Malepe.

Cape Town City: Stephens, Mkhize, Fielies, Johannes, Seedat, Matsi, Nodada, Patosi, Martin, Lakay, Obinna.