Emva kweminyaka emininzi uLionel Messi ezama ukuphumelela indebe yehlabathi, ekugqibeleni ude walifumana ithuba elicacileyo lokuyifuma. Oku kwenzeka emva kokuba uJulian Alvarez naye uLionel Messi bengcwabe iCroatia ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obutak’ iintlantsi eLusail Iconic Stadium kubusuku banamhlanje. Le yimpumelelo ebaluleke kakhulu kuMessi ongabeka phantsi kwiminyaka embalwa ezayo njengomdlali. Ukuphumelela indebe yehlabathi yinto engambeka encochoyini njengomdlali owenze izinto ezinkulu ebholeni yehlabathi. Isiqingatha sokuqala siphele iArgentina inkqenkqeza phambili ngamagowuli amabini eqandeni.
Ekuqaleni umdlalo ulawulwe yiCroatia – eyaziwayo ngukudlala ibhola entle ehamba phantsi ikhokelwa yigqala leReal Madrid, uLuka Modric. Khange kubekho qela elifuna ukulahlekelwa kwangoko, omabini adlale umdlalo elumkile kakhulu. Igowuli lokuqala lize ngepenela efakwe nguLionel Messi othe kratya ngoku kuDiego Maradoa ngamagowuli kwindebe yehlabathi. Oku kwenzeke emva kokuba unozinti weCroatia, uDominik Livakovic, ewise uJulian Alvarez obezama ukufaka igowuli. Emva kwemizuzu embalwa, uAlvarez ufake igowuli lesibini layo iArgentina. Ufumene ibhola esizikithini sebala wabaleka nayo ephahlwe ngabadlali beCroatia.
Nangona ebekhe waphulukana nolawulo lwebhola – kodwa uye wayifaka emnatheni emva kokuba bengakwazanga abadlali beCroatia ukuchitha. Side saphela isigaba sokuqala umdlalo ulawulwa yiCroatia engakwazanga ukugqobhola kwiArgentina. Kwisigaba sesibini, bekungasekho nto ingakho enokwenziwa yiCroatia ngoba abadlali beArgentina balwele ukukhusela amagowuli abawafumene kwisigaba sokuqala somdlalo. Isikhonkwane sokugqibela esibethelele ibhokisi ekungcwatywe ngayo iCroatia sifakwe kwa nguJulian Alvarez ogqibezele ibhola ayidlalelwe nguLionel Messi. Bekukho ithemba lokuba iCroatia iza kulwela ukuya phambili kwakhona nakule itumente yalo nyaka emva kokubethwa yiFrance kwegqithileyo eRussia.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!