UJulies uyibeke endaweni entle kwakhona iChippa United

USamuel
Julies uphindile kwakhona! Lo mdlali uyithathe iChippa United wayibeka endaweni
entle kwakhona emva kokufaka amagowuli amabini ngethuba iqela lakhe libetha
iBidvest Wits ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obushushu ngendlela
engumangaliso eBidvest Stadium izolo ebusuku. 

Le yimpumelelo yesibini yeeChilli
Boys imidlalo ilandelelana kweyePSL emva kokudlala ntanganye imidlalo emihlanu
ilandelelana phantsi komqeqeshi obambeleyo – uTebogo Moloi. Ngoku iqela
likaTebogo Moloi lithe ngcu kwindawo yesithandathu emva kokuqokelela amanqaku
alishumi elinesine kwimidlalo elishumi.

Njengoko
bekulindelekile, abadlali beWits bahlasele kuqala besebenzisa ifolosi eyingozi,
u-Amr Gamal, kwakwimizuzu yokuqala emdlalweni – kodwa izinto azimhambelanga
kakuhle. Omabini la maqela azamile ukudala amathuba kwisigaba sokuqala somdlalo
– kodwa kude kwayiwa kwixesha lokuphumla kungekho elibhalisileyo ebhodini. 

IiChilli Boys zibuye zonyanyile kwisigaba sesibini. UMarko Paseka uphekuze
amadoda kufutshane emhlabeni oyingozi weWits – uthe gqi uJulies
engabhungisanga, wayibeka endaweni entle iChippa ngegowuli lokuqala. Akubanga
kudala waphinda elesibini – ngelo xesha ixesha beselisondela ekupheleni. Eli qela
laseMpuma Koloni lifumene impumelelo yalo yokuqala kude nekhaya namhlanje.

 Bidvest Wits: Keet, Allie, Hlatshwayo, Khumalo, Scott,
Klate, Gamal, Pelembe, Pule, Hlanti, Mlambo.

Chippa United: Akpeyi, Macheke, Okwuosa, Konqobe, Maphanga,
Mvelase, Mdlinzo, Mabaso, Mako, Lentjies, Sekola.