UJustin Shonga uyonzakalise ingalindelanga iChippa United ngale njikalanga

Mxolisi Macuphu of Chippa United scores while Happy Queenton Jele of Orlando Pirates attempted to stop him during the Absa Premiership 2017/18 match between Chippa United and Orlando Pirates at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth South Africa on 25 February 2018 ©/BackpagePix

Ezimnyama
zifuthela emagxeni weMamelodi Sundowns emva kokuqokelela amanqaku apheleleyo
kumdlalo wanamhlanje. UJustin Shonga uyonzakalise ingalindelanga iChippa United
emva ngethuba efaka igowuli lakhe lesibini emdlalweni sekuphela ixesha. UThembinkosi
Lorch, owayefudula edlalela iChippa United, uyigwaze entliziyweni ngethuba
efaka igowuli lempumelelo kumdlalo we-Absa Premier Soccer League onzima i-Orlando Pirates ewuphumelele ngo’4-2
eNelson Mandela Bay Stadium ngale njikalanga. NguBernard Morrison ofake igowuli
lokuqala leBucs – kanti aweChippa United afakwe nguMxolisi Macuphu kwisigaba
sokuqala noBuyani Sali ongene mva emdlalweni. Ngoku iPirates ihleli kwindawo
yesibini kwiPSL, ishiywa yiSundowns ngamanqaku amane kuphela. Emva kokudlala kakubi kwisiqingatha sesibini, iChippa United ibingenalo ithuba lokuwuphumelela lo mdlalo nangona ikwazile ukufumana amagowuli amabini emdlalweni.

Isiqingatha
sokuqala besitshisa bhe. Omabini amaqela abonise ukuzimisela okukhulu zisuka
nje emdlalweni. Nakubeni bekunjalo – kodwa yiPirates enkqonkqoze kuqala
ezipalini ngethuba inyanzela iChippa United ichithe ibhola ebimbi phakathi
kumhlaba kanozinti. UMark Mayambela, oyena mdlali othe wabalasela kwisigaba
sokuqala, ungene emadodeni kumzuzu wesithathu – kodwa ngelishwa lakhe, abadlali
basemva kwiPirates bakwazile ukumthintela. Khnge kube kudala uJustin Shonga
unyanzele uBrighton Mhlongo ukuba axhimfe ibhola ngamanqindi. Umqeqeshi weBucs,
Milutin “Micho” Sredojovic, ukhethe ukuhlasela ngoShonga noBernard Morrison
obeyikhathaza kakhulu iChippa emva. Nakubeni bekukho uxinizelelo ngamaxesha
athile kwiChippa – kodwa uJames Okuwousa no-Ayabulela Konqobe bakwazile
ukumelana nabadlali beBucs abazamileyo ukufikelela kuMhlongo obenomdlalo omhle
kakhulu kwisigaba sokuqala.

Abadlali
ababini, u-Andile Mbenyane no-Abel Shongwe, ngabanye babadlali abayixheshileyo
iPirates nabaqinisekisileyo ukuba iChippa idlala kakuhle. Izinto ziqale
ukonakala ngethuba uMxolisi Macuphu ebhakuzelisa umnatha kumzuzu weshumi
elinesixhenkxe emva komsebenzi omhle owenziwe nguMbenyane.  Oku kwenzeke emva kokuba uSizwe Mdlinzo
ephose ithuba elihle kakhulu kokubhalisa ebhodini. Emva kwemizuzu embalwa
uBernard Morrison ufake igowuli lokulinganisa ngepenela emva kokuba edlalwe
kakubi ngabadlali beChippa ngaphakathi emhlabeni kanozinti. Ayikwazanga ukudlala
umdlalo ozinzileyo emva iChippa, kangangokuba iPirates iphantse yaya kwixesha
lokuphumla inamagowuli amabini. Unozinti weBucs, uJackson Mabokgwane uchithe
ibhola embi ebikhatywe nguThabo Rakhale kumzuzu wokugqibela kwisigaba sokuqala
somdlalo.

AmaBhakaniya
athathe apho ayeke khona kwisigaba sokuqala, uMorrison uqhubele phambili
nokuhlasela ekhangela igowuli lempumelelo. Uphindile uMorrison – kodwa igowuli
lakhe alibalwanga kuba elalele. Uphose ithuba elihle uMorrison ejongene ngqo
noMhlongo kumzuzu wamashumi amathandathu anesibini. Aphindile Amabhakaniya
ahlasela, ibhola kaMusa Nyatama ibethe epalini. Izinga lomdlalo liye lehla
kwisigaba sesibini somdlalo nakubeni iPirates ibihlasela ngamandla. UTeboho Moloi
ufake uBuyani Sali ngelizama indlela yokuqinisa umdlalo weChippa ebithande
ukuhlala emva. USonga ubhakuzelise umnatha kumzuzu wamashumi asixhenkxe anesibini
emva kokuba abadlali beChippa bengakwazanga ukuchitha ibhola emhlabeni
kanozinti. UXolani Maholo uthathe indawo kaMabaso kwakucaca okokuba amandla
weChippa okuya phambili ehlile. UMoloi ukhuphe uMayambela ekuzeni kuphela
komdlalo, endaweni yakhe ufake uKatlekgo Mashego ofike wafaka igowuli
lokulinganisa kushiyeke imizuzu esixhenkxe emdlalweni. UThembinkosi Lorch ufake
igowuli leBucs lesithathu emdlalweni emva kwebhola egotywe nguMaela ekunxele.
NguShonga obethelele isikhonkwane esingcwabe iChippa kwimizuzu yokugqibela.

 

Chippa United: Mhlongo,
Modisane, Konqobe, Okwuosa, Mako, Rakhale, Mabaso, Mdlinzo, Mayambela,
Mbenyane, Macuphu.

Amalalela: Akpeyi, Nsabiyumva, Mashego, Seanego, Manqele, Maholo,
Sali.

Orlando Pirates: Mabokgwane, Jele, Nyauza, Nyauza, Dube, Maela, Munetsi,
Nyatama, Memela, Lorch, Morrison, Shonga.

Amalalela: Mpontshane, Matlaba, Mlambo, Sarr, Qalinge, Gabuza, Foster.