UKabelo Dlamini uncede iPirates emdlalweni weBetway Premiership

Kabelo Dlamini of Orlando Pirates during the Betway Premiership 2024/25 match between Orlando Pirates and Polokwane City at the Orlando Stadium, Soweto on the 24 September 2024 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Iphumelele umdlalo wayo wesithathu i’Orlando Pirates kwisizini eqhubekayo. Namhlanje iPirates ibethe iRichards Bay ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium ngale njikalanga.

IPirates iye kwiqela lebhola ekhatywayo laKwaZulu-Natal ifuna ukuziphindisela emva kokubethwa ngexesha elibi kuphela isizini ka2023/24. Kodwa ngaphezulu koko, iPirates ibikhangela indlela yokuqhubela phambili nokuqokelela amanqaku kwisizini entsha.

Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu. Iindwendwe zizo ebezihlasela zisebenzisa uMabasa, uMofokeng noMaswanganyi. Izamile ukuxhathisa iRichards Bay futhi ikwazile ukuvala amazibiko sade saphela isiqingatha sokuqala.

Akukho nto engako engabaliswa ngesigaba sokuqala ngoba akukho mathuba acacileyo adaliweyo ngamaqela omabini. IPirates ikwazile ukuya phambili – kodwa khange ikwazi ukugqobhoza kwidonga ebelenziwe ngabadlali abe bekhokelwe nguDube emva.

Omabini amaqela odlale umdlalo obhetele kwisigaba sesibini. USipho Chaine ukhe wazama ukuvala iibhola ezimbini emhlabeni wakhe. Izinto zijike emzuzwini weshumi phambi kokusongwa komdlalo. UKabelo Dlamini uncede iPirates ebisengxakini ngegowuli elihle.

Ngoku iPirates ihleli kwindawo yesibini emva kokuphumelela imidlalo yeBetway Premiership ilandelelana. Entla kwayo yiMamelodi Sundowns ebethe iKaizer Chiefs ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni wayizolo emalanga.