UKaitano Tembo uxhalatyiswa bubudikidiki beSuperSport United kule sizini

Kaitano Tembo, Coach of Super Sport United during the Absa Premiership 2018/19 game between Golden Arrows and SuperSport United at Sugar Ray Xulu Stadium in Durban the on 10 February 2019 Gerhard Duraan/BackpagePix

Umqeqeshi weSuperSport
United, uKaitano Tembo, uthi kunzima ukuqikelela eyona nto eza kwenzeka
ekugqibeleni kwesizini ngenxa yeziphumo ezingafaniyo eziveliswa ngamaqela ohlukeneyo
adlala kwi-Absa Premier Soccer League. ISuperSport linalo ithuba lokothusa umzi
ukuba amaqela aphambili angathi gqolo elahlala amanqaku – kodwa uTembo akafuni
libonwe ngolo hlobo iqela lakhe yobudikidiki balo emidlalweni yale isizini. Amatsatsantsa
a Pitori lelinye lamaqela ambalwa kwiPSL angoyikiyo ukulwela iindebe – kodwa akukho
njalo kule isizini ngenxa yendlela engaqinanga adlala ngayo. Nakubeni kunjalo,
uKaitano Tembo uvakalise ithemba emva kokuba iSuperSport United ibethe iChippa
United ngo’1-0 emdlalweni obuseSisa Dukashe Stadium kwiCawe ephelileyo.  

UTembo unethemba
lokuba iqela lakhe lakuthi lizuze enye impumelelo emdlalweni wePSL eliza kudibana
kuwo neFree State Stars, eLucas Moripe Stadium,
emalanga ngeCawe. “Okubalulekileyo kuthi ngoku kukujongana nomdlalo omnye
ngexesha. Amanqaku esiwazuzileyo asithathe asibeka kwenye indawo. Sifuna
ukubeka iingqondo zethu ekudlaleni kakuhle,” utshilo uTembo emva kokubethwa
iChippa. Ukuba uyaqwalasela, amaqela aphezulu alahla amanqaku – kunjalo nakulawo
alwela ukungena kwiTop 8. Kanti nasekugqibeleni alahlekelwa ngamanqaku. Yonke lo
nto yenza kubenzima ukuqikelela eyona nto eza kwenzeka ekupheleni kwesizini. Into
efunekayo kukuba (thina) siqinisekise ukuba siyayiphumelela imidlalo yethu,”
utshilo uTembo.

Ukungakwazi
kweSuperSport United ukuvelisa iziphumo ezihle imidlalo elandelelanayo
kuyamchana kakhulu umqeqeshi wayo kwaye ikwakuko nokwaphantse kwamngxolisisa
ngabaphathi bakhe ekupheleni kuka-2018 ebekucaca okokuba baxhalatyiswe
kukungaqhubi kakuhle kweqela. “Nayibona into esayenza kwi-Orlando Pirates –
kodwa emva koko sabethwa yiBaroka FC. Kunzima nyhani kwiPSL; naliphi iqela
lingabethwa lelinye. Okubalulekileyo kuthi ngoku kukujongana neFree State Stars
esiza kudlala nayo emdlalweni wethu olandelayo. Kufuneka siqinise indlela
esidlala ngayo ngoku,” utshilo uTembo ethetha neentatheli eMonti.