UKaizer Motaung udalula akulindeleyo kuCastillo Garcia ofikayo kwiChiefs

UGqirha Kaizer Motaung esamkela uEdson Castillo Garcia osuka eVenezuela. Umfanekiso; KC/Facebook

Amakhosi amkele isixhenxe sonke sabadlali abatsha eNaturena. Phakathi kwabo badlali kukho umdlali osuka eVenezuela ekuthiwa nguEdson Daniel Castillo Garcia ofike waya enkampini eseMpumalanga – apho abadlali beKaizer Chiefs balungiselela khona isizini entsha yeDStv Premiership eza kuqala kwinyanga ezayo. Ukufika kwayo indedeba yaseVenezuela kuqinisa iinzame zabaphathi beChiefs abazama ukuyibuyisela kundalashe emva kweminyaka esibhozo yendlala. Abanye abadlali abatsha nguThatayaone Ditlhokwe, uGiven Msimango, uMduduzi Mdantsane, uPule Mmodi, uRanga Chivaviro noTebogo Potsane ofike mva kunabanye. USihlalo weChiefs, uGqirha Kaizer Motaung, umamkele ngezandla ezishushu uEdson Garcia watsho esithi iqela lakhe limzise eMzantsi Afrika ngenxa yesakho sakhe sokudlala ibhola ekhatywayo.

‘Ndakhe ndadlala nabadlali baseMzantsi-Melika ngethuba ndisadlalela iAtlanta Chiefs. Indlela abadlala ngayo eMelika ndiyayazi kwaye siyamamkela,’ utshilo uGqirha Motaung. ‘Simzise eMzantsi Afrika ngenxa yetalente anayo esiyibonileyo. Sinethemba lokuba uza konwaba azenzele imbali kwizwekazi le’Afrika. Njengokuba senditshilo, ndazi abantu abaninzi apho asuka khona endandidlala nabo ibhola. Yayingabantu abaziphethe kakuhle futhi silindele lo nto nakuye. Asizumbeka mthwalo emagxeni efika ngoba sifuna akhululeke azive esekhaya. Kufuneka kube mnandi aqhelane nabantu aza kusebenza nabo. Simnqwenelela okuhle kubomi bakhe obutsha kweli qela elasungulwa kwiminyaka engamashumi amahlanu anesithathu eyadlulayo. Sasiliqela elincinci ukuyiqala kwethu iChiefs – kodwa ngoku siliqela elikhulu eMzantsi Afrika.

‘Usapho lwakhe luza kufika eMzantsi Afrika kwinyanga ezayo. Ndiza kuqinisekisa ukuba baziva besekhaya,’ utshilo uGqirha Motaung. Kunzima ukudlalela iChiefs, akukhathaliseki nokuba uvelaphi ngoba lelona qela elinabalandeli abaninzi eMzantsi Afrika. Kodwa amazwi amkelwe ngawo nguSihlalo weqela aza kumnceda ekhayeni lakhe elitsha uGarcia ovakalise uvuyo lokuba ngumdlali weChiefs. ‘Kundonwabise kakhulu ukufumana ithuba lokudlalela iqela elikhulu njengeli. Ebekhona amaqela ebendifuna – kodwa ndithe mandize kwiChiefs ndakuva ukuba inomdla wokundenza umdlali wayo. Khange ndithandabuze ngokuza apha. Ndiqinisekile ukuba ndithathe isigqibo esichanekileyo emva kokwamkelwa kamnandi kangaka,’ utshilo uGarcia ekulindeleke ukuba abe lelinye lamajoni athembekileyo kaMolefi Ntseki onikwe uxanduva lokuphelisa indlala eNaturena emva kokugqwidiza kuka-Arthur Zwane.