UKaizer Motaung umkhulule ngamazwi amnandi uEric Mathoho

Usihlalo weKaizer Chiefs, uGqirha Kaizer Motaung, umtyibele ngamazwi amnandi uEric Mothoho obekade engumdlali weqela lakhe. Kwiveki ephelileyo, uMathoho wenzelwe itheko eNaturena emva kokuba abaphathi beChiefs begqibe kwelokuba bangasivuseleli isivumelelwano sakhe sengqesho esiphelelwa kwinyanga yeSilimela. UMathoho wafika ngonyaka ka-2012 ngethuba uStuart Baxter wayezama ukuyivuselela. Ngaloo minyaka kwakukho amadoda afana noBernard Parker, uGaxa, uMasilela, uLetsholonyane nabanye. Ebekhe wakhathazwa kukonzakala kwisizini egqithileyo uTower – kodwa uArthur Zwane khange abonakalise umdla wokumsebenzisa emva kokuphila kwakhe.

Uhambile kwiChiefs aziqaqambisile kuyo kakhulu ngoku ukhangela iqela elitsha. “Andinawo amazwi endingachaza ngawo uMathoho ngoba ebengumntu oziphethe kakuhle kakhulu futhi obe ngumzekelo omhle,” utshilo uGqirha Motaung kwingxelo ekhutshwe yiChiefs kule veki. “Ebengumntu othuleyo. Andiqondi ukuba oogxa bakhe banganento embi abangayithetha ngaye. Ndiqinisekile bamncomile ngenxa yezinto azenzele iChiefs. Manditsho ukuba ndiyazingca ngomsebenzi owenziwe nguTower futhi ndiyambulela kananjalo. Ungumzekelo omhle futhi ungumntu onesimilo. Igalelo lakhe kwiChiefs likhulu kakhulu. Akafani nabadlali esidibana nabo kule mihla.

“Ukuhlala kwakhe eqeleni elinye iminyaka elishumi kuyamntama ukuba ebengumntu ozibopheleleyo kwiChiefs. Wayesenokuthi ufuna ukuya phesheya – kodwa wahlala ixesha elide ngoba uyayithanda,” utshilo uGqirha Motaung. UMathoho wagaleleka kwiChiefs eseligatyana lomdlali owayesaze ngobuso ezweni emva kokuzibonakalisa ngo-2012 kwiBloemfontein Celtic eyabhangayo. Phambi kokuphazanyiswa kwakhe kukonzakala, uMathoho ebengumdlali waBafana Bafana. Akukacaci okwangoku ukuba uza kudlalela eliphi iqela kwiDStv Premiership kwisizini ezayo. Kukho amahum-hum athi angaya kwiSuperSport United okanye kwiTS Galaxy ethengisele iChiefs umdlali odlala emva.