UKaizer Motaung uqinisekile ngomsebenzi kaMolefi Ntseki

Molefi Ntseki.

Yiminyaka engaphaya kwesihlanu izinto zingahambi kakuhle kwiKaizer Chiefs. Lo nto ayibaphathanga kakuhle abaphathi beChiefs, ingakumbi usihlalo wayo uKaizer Motaung. Amakhosi agqibela ukuphakamisa indebe kusekho uStuart Baxter. Emva koko kwaqeshwa uSteve Komphela, uGiovanni Solinas, uErnst Middendorp noGavin Hunt – bonke boyisiwa kukunceda iChiefs. Aboyiswanga kukubuyisela ubunganga bayo kuphela, boyiswe nakukuyidlalisa umdlalo ocacileyo ebaleni. UMotaung watyala imali kwinkqubo yophuhliso kuba efuna kuveliswe abadlali abanokudlalela iChiefs ngendlela yayo. Ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweChiefs, abadlali abancinane abalifumananga ithuba.

Kwanyanzeleka basasazwe kwamanye amaqela. Izinto ziguqukile ngoku. UMotaung uqeshe uMolefi Ntseki njengentloko yenkqubo yophuhliso (Kaizer Chiefs Youth Development Academy) ngoMvulo kule veki. Umsebenzi wakhe kukuvelisa abadlali bangomso abaza kubiyisa ubunganga beChiefs. UNtseki ufika eNaturena emva kokulaxazwa kwakhe yiSafa ngenxa yokungakwazi kwaBafana Bafana ukuya kwi-Afcon eza kusingathwa yiCameroon kunyaka ozayo.

“Siza kuvelisa abadlali abaza kubeka iKaizer Chiefs endaweni yayo ebholeni. Lo nto iza kuqala kubadlali abasakhulayo nabadlali kwiMultiChoice Diski Challenge. Abadlali esibavelisileyo baza kunyuselwa kwiqela elikhulu. Kodwa eyona nto ibaluleke kakhulu kum ngumdlali esiza naye kwiChiefs. Kufuneka siyazi indlela esebenza ngayo iChiefs ukuze sibe nabadlali abaqaqambileyo kwiChiefs endala,” utshilo uNtseki, ethetha eNaturena. Nangona izinto zingamhambelanga kakuhle kwiqela lesizwe uNtseki – kodwa ungomnye wabaqeqeshi abambalwa abafunde kakhulu ngebhola eMzantsi Afrika.

Akuphelelanga apho, usebenze nabadlali abatsha kumaqela esizwe onke. Ukunikwa kwakhe umsebenzi wokuvelisa abadlali yiChiefs kumfanele ngokupheleleyo. Ethetha ngethuba esamkela uNtseki, uMotaung uthe: “UNtseki ufike ngexesha elihle sisenza iinguqu. Siqinisekile ukuba siqeshe umntu olungileyo. Ungumntu osebenze kuzo zonke izigaba zebhola ekhatywayo. Njengokuba iChiefs igxothe uHunt kwiveki ephelileyo ngenxa yeziphumo ezibi, kukho into ethi kubuya uBaxter ebekuthiwa ufuna ukuncediswa nguNtseki akhe wasebenza naye kwiqela lesizwe. Akukacaci ke ngoku kwakwenzeka ntoni njengokuba uNtseki sele enikwe esinye isikhundla.