UKallis uzakuqeqesha * -Amla kwiCPL

UHashim Amla kuphela komdlali weProteas ophume esathembisa emva kokubethwa kweli qela yiWest Indies kwiveki ephelileyo. Ngoku * -Amla sele ekulungele ukudlala okokuqala kwiCarribbean Premier League namhlanje.

Lo mdlali uqhokrayo kwiProteas unethemba lokunceda iTrinbago Knight Riders nebisaziwa njengeTrinidad Red Steel. Eli qela lizakube likhusela intshinga yalo xa lidlala umdlalo wokuqala neSt Lucia Zouks, namhlanje, eQueens Park Oval.

“Ndinethamsanqa kakhulu lokuba ndidlale kwiCPL okokuqala, sele ndichithe iiveki ezintathu ezidlulileyo apha kwiCaribbean, ndizibonile phantse zonke ezi ndawo ndizakube ndidlala kuzo. ,” utshilo * -Amla.

“Lityeli lokuqala eli ukuba ndithathe inxaxheba kolu khuphiswano, kwaye emva kokuba ndincokole nabantu baseTrinidad, wonke umntu unethemba lokuba esi sisiqalo esitsha esikuthi. Ngokuqinisekileyo emva kokuba ziintshatsheli kunyaka ophelileyo, sizakuzama ukuba sikhusele intshinga. Bendonwabe kakhulu kwezi ntsuku sele ndizichithe apha nabanye abadlali.”

Ngaphandle kokudlala kukaAmla kweli qela, lo mdlalo wokuvula wale tumente uzakuba nento ekhethekileyo ngawo kuba iTKR iqeqeshwa ligqala lomdlali elalidlala kwiProteas uJacques Kallis.

Abanye abadlali beProteas ekulindeleke ukuba babizwe ukuza kuncedisa iiZouks nguMorne Morkel, David Miller no-Eddie Leie.

“Aba badlali babini uMorkel noMiller ndichithe ixesha elininzi kakhulu nabo kwiProteas, ndingavuya ukudlala nabo,” uvale ngelo * -Amla.