Amakhosi
aye anyanzeleka amkele umnqongo wenqaku emva kokuba engakwazanga ukuyoyisa
iStellenbosch elwileyo emdlalweni we-Absa Premiership ophele ngo’1-1 e-Orlando
Stadium. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu, iqela laseNtshona Koloni ilelona
lihlaselayo. USiphelele Ntshangase, onikwe ithuba elimnqabeleyo lokuqala
umdlalo namhlanje, ebebotshwe noWillard Katsande esiswini – emva kufakwe
uSiyabonga Ngezane endaweni ka-Eric Mathoho obengekho ngenxa yamakhadi amaninzi.
ULee Langeveldt ngunozinti wokuqala osebenzileyo emdlalweni emva kokubamba
ibhola ebikhatywe nguReeve Frosler. Kuye kwanyanzeleka umqeqeshi weChiefs enze
utshintsho olukhawulezileyo emva kokuba uLeonardo Catsro eye wonzakala
emdlalweni usaqala. Indawo yakhe ithathwe nguSamir Nurkovic ongazukudlala
kwiveki ezayo emva kokufumana ikhadi elityheli namhlanje.
Kuyiwe kwixesha
lokuphumla iStellenbosch iphala phambili ngegowuli elihle elifakwe nguLeletu
Skelem ngentloko emva kokufumana ibhola ku-Ashley Du Preez oshiye amadoda
weChiefs elele phantsi. Ihlasele iChiefs macala onke – kodwa abadlali
beStellenbosch bebethe qwa emva begadwe nguLangeveldt. Ekuqaleni kwesigaba
sesibini, uMiddendorp ufake uLazarous Kambole, uKgotso Moleko noDumisani Zuma,
ekhupha uNtshangase, uKhama Billiat noSiphesihle Ntiya-Ntiya. Umdlalo uye
watshintsha ngokwenene. UKambole uye wayihlangula iChiefs ngegowuli emzuzwini wamashumi
amahlanu anesibhozo kwisigaba sesibini. Amakhosi asilawule ngokupheleleyo
isigaba sesibini somdlalo – kodwa into ayivinjwe yiStellenbosch ligowuli
engeliqinisekise impumelelo yawo. Nangona kunjalo, Amakhosi asephezulu, ashiya
iMamelodi Sundowns ngamanqaku amathandathu.
Ababezenza amapolisa baphanga usapho, baqhotsa batya inyama yabo!