Ukapteni weMagic uthi abayoyiki iKaizer Chiefs

UGeorge Dearnely ebukele abadlali beThe Magic FC ellungiselela ukuqubisana neKaizer Chiefs emdlalweni weNedbank Cup ozakube useNelson Mandela Bay Stadium umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Iintliziyo zabadlali nabaphathi beqela laseKapa, iThe Magic FC, ziye zanxunguphala emva kokungafumani ibala lokudlalela umdlalo weNedbank Cup.

Amakhosi ebeza kundwendwela iThe Magic ebaleni eliseKapa – kodwa kuye kwanyanzeleka okokuba umdlalo usiwe eNelson Mandela Bay Stadium ngenxa yokungafumaneki kwebala. Kukubi kunjalo, kuyanyanzeleka abadlali bayiphose kwelokulibala leyo into ukuze badibane neKaizer Chiefs, emdlalweni weNedbank Cup ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe, iingqondo zabo zikwisimo esilungele umdlalo ngokupheleleyo.

Umdlalo wangempelaveki ubaluleke kakhulu kwiThe Magic eqhuba kakuhle kwi-ABC Motsepe League yaseNtshona Koloni kwaye ukapteni, uTshepiso

“Shabba” Tlhapi, uthi abayoyiki kwaphela iChiefs. Iqela laseKapa linabadlali abanamava abaquka uThando Mngomeni, uTherlo Moosa nooNazier Jacobs eliza kuxhathisa ngabo.

Amakhosi athelekiswe neqela elikwinqanaba elisezantsi kwakhona emva kokudlala neTornado FC kutshanje kwiNedbank Cup.

Kwesi isihlandlo, kufuneka iChiefs ibhinqe omfutshane emva kokusokoliswa yiTornado kwinyanga ephelileyo.

“Amalungiselelo womdlalo ahamba kakuhle ukuzothi ga ngoku. Sonke sijonge kumdlalo omkhulu. Ngeke ndithi abadlali bethuba bayayoyika iChiefs – kodwa sonke siyazi ukuba umdlalo ozayo yeminye yaloo midlalo ehamba noxinizelelo. Into esizimisele ukuyenza kukuzimisela emdlalweni nokumilisela iingqondo zethu kuwo. Ukuba singayenza lo nto, nantoni ingenzeka emdlalweni,” utshilo uShabba encokola neli phephandaba kule veki.

UTlhapi uthi umqeqeshi weMagic, uDavid Kannemeyer, uyabakhuthaza abadlali bakhe ukuba bazimisele emdlalweni ngoba uyayazi iChiefs njengomntu owayekhe wayidlalela.

“Umqeqeshi uthi masizimisele ngoba uyayazi iChiefs. Siza kudlalela ukuphumelela umdlalo ngeCawe. Asiyoyiki iChiefs tu. Abadlali bakulambele ukudlala neChiefs. Uxinizelelo luza kube lukwiChiefs ngoba iliqela elikhulu. Ukutshintshwa kwendawo yokudlalela ngeke kusichaphazele ngoba besihleli siza kudlalela ebaleni. Ewe, abadlali bebeza kuvuyela ukudlalela eKapa,” utshilo uTlhapi.

Emdlalweni oza kube ungoMgqibelo, iChippa United iza kuxikixana neTshakuma Tsha ngentsimbi yesithathu emalanga eNelson Mandela Bay Stadium.

UClinton Larsen uza kulwela ukugcina imbali yakhe engenachaphaza lokungabethwa emva kwemidlalo emine kwiChippa.