UKatsande uchulumancile ngumdlalo wakhe

IKaizer Chiefs iwuvalile umsantsa phakathi kwayo neBidvest Wits, waya kutsho kumanqaku amathathu. Oku kusemva kokuba iqela likaSteve Komphela lizibethele iGolden Arrows, ngamagowuli amabini eqandeni, eMoses Mabhida, ngokuhlwa ngoLwesibini.

Amagowuli amabini eChiefs afakwe nguCamaldine Abraw kunye noWilliam Twala. Umdlali wasesiswini weChiefs uWillard Katsande ukholelwa ukuba umdlalo wakhe uya ngokuphucuka, kwaye into emncedisayo kukuba elinganisa abadlali abafana noYaya Toure noXabi Alonso.

UKatsande ufumene iwonga lakhe lesibini lomdlali obalaseleyo, kwimpumelelo yabo yokohlula iGolden Arrows. Le nzalelwane yaseZimbabwe yadlala kakuhle kakhulu nakumdlalo wangoMgqibelo phakathi kweChiefs, neOrlando Pirates.

UKatsande uthethe ngoluhlobo: “Xa ndingekho sebaleni, ndichitha ixesha elininzi ndibukela imidlalo yaphesheya kolwandle.

“Kukho abadlali abadlala kule ndawo ndidlala, nabadlala kakuhle kakhulu, uXabi Alonso kunye noYaya Toure. Ndiye ndikope ndenze into abayenzayo emdlalweni wam.

“Ndicinga ukuba iyandisebenzela ngoku.” UKatsande ukwancome nabanye abadlali beChiefs ngegalelo labo kwindlela adlala kakuhle ngayo mva nje.

“ Nje ngokuba benditshilo kumdlalo odlulieyo, lento ihambelana namava, ukusebenza nzima, kunye nokuzinikela. Kufanelekile ukuba ndicome iqela lonke, sisebenza nzima kakhulu. Enye into eyincede kakhulu iChiefs kulo mdlalo kukungena kukaBernard Parker kunye noWilliam Twala.

UTwala uye wakwazi ukuwutshintsha kakhulu umdlalo ukungena wakhe, kuba iChiefs ibinako ukuqhwalela ekuqaleni kwesiqingatha sesibini. Komnye umdlalo weAbsa Premiership iJomo Cosmos idlale ntanganye kumdlalo wayo neBlack Aces.

Umdlalo olandelayo weChiefs ungoMgqibelo, nalapho iza kunyathelana khona neMaritzburg United kumabala aseFNB.