UKatsande ufuna iChiefs inyuse igiya!

Evans Rusike of Maritzburg United challenged by Willard Katsande of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2016/17 match between Maritzburg United and Kaizer Chiefs at Harry Gwala Stadium, Johannesburg South Africa on 11 February 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UWillard Katsande, omnye wabadlali ababalulekileyo kakhulu kwiChiefs kwezi ntsuku, uthe gqolo ebonisa ukuba kutheni iqela lakhe linokuthembela kuye. Esi siququ saseZimbabwe, sincede Amakhosi izolo kumdlalo ububanjelwe eHarry Gwala Stadium.

Amakhosi agoduke edloba okwamathole emva kokubetha iMaritzburg United ngo’2-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League izolo. Zindwendwe ezingcangcazelise umnatha kuqala kulo mdlalo ngebhola efakwe nguKatsande – uSalt & Viniger – elona gama adume ngalo kubalandeli bebhola ngenxa yobungqwabalala bakhe xa edlala ebaleni.

Elesibini lifakwe nguSiphiwe Tshabalala othe wanceda Amakhosi ngethuba ebetha iqela lakhe lakudala iFree State Stars ngo’3-1 kumdlalo obuseFNB Stadium ngoLwesibini odlulileyo. Nangona iKaizer Chiefs iqhube kakuhle kumdlalo wayo ogqithileyo – kodwa uKatsande uthi kufuneka iChiefs ifumane indlela yokuqoshelisa imidlalo ngokukhawileza.

Nangona iqela likaSteve Komphela liyiphumelele yomine imidlalo yayo edlulileyo, odwa kusekhona ukuvuza kwamagowuli nokungafaki amagowuli wokuphumelela umdlalo xa likhona elothuba emdlalweni. “Ndiyambulela uThixo ngayo yonke into. Impumelelo yanamhlanje ayikho ngam – koko ingeqela lethu lonke,” utshilo uKatsande emva komdlalo izolo.

“Le ndlela esifumene ngayo igowuli sisolo siziqhelanisa nayo xa sizilolonga. Ngamanye amaxesha sincedwa ziikona emidlalweni ukuze siphumelele. Ukuba ungaqwalasela iinkcukacha zemidlalo edlulileyo, kuyenzeka oko – kodwa asifane siyifumane lo nto xa sidlala neMaritzburg United. Siyifumene kweli tyeli lo nto. Kwimidlalo yethu esibethiweyo kuyo, besingakwazi ukuwasebenzisa amathuba – kodwa ngoku izinto ziguqukile, siyawasebenzisa amathuba esiwafumanayo,” utshilo uKatsande.

Le ndedeba iyakuvuyela ukubuyela kweqela layo kwisimo esincumisayo – kodwa yazi kakuhle ukuba zikhona izinto ezisafuna ukuqhoshwa.

“Kufuneka siqinise kakhulu umdlalo wethu phaya emva siphinde sikwazi ukuwulawula umdlalo xa sinkqenkqeza phambili emdlalweni ngoba sinayo ingxaki yokuyekelela. Kufuneka silixhakamfule ngoku iqela esidlala nalo, siwusonge umdlalo kwangoko,” uvale ngalo mazwi uKutsande.

Ngoku Amakhosi athe ngcu kwindawo yesithathu emva kokuqokelela amanqaku apheleleyo kwimidlalo emine yonke ilandelelana.