Umdlali olithemba kwiKaizer Chiefs, uWillard Katsande, uthi abadlali abafikayo bangalinceda eli qela lifumane indebe yePremier League kwisizini ezayo.
UKatsande ebethetha neentatheli eNaturena Village izolo phambi komdlalo omkhulu weCarling Black Label ophakathi kwabo ne-Orlando Pirates eFNB Stadium ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo.
Eli qela liphinde labhengeza abadlali ababini abatsha, uRyan Moon, ongumninawe kaBryce Moon kunye noSiyabonga Ngezana obedlala kwiMulti Choice Diski Challenge ngesizini edlulileyo.
“Andithandabuzi, abadlali abatyikitywe ngabaphathi beChiefs bazakuyinceda. Abadlali baseZimbabwe abalapha ndibathembille ngoba bakhuthele kakhulu. beza nento entsha ebingekho ngaphambili,” utshilo uKatsande.
UKatsande uthe umdlalo wabo nePirates soze ubelula, kodwa kufanele bamamele umqeqeshi wabo uSteve Komphela. “Sizonyuka umnqantsa kula mdlalo. Umdlalo wona uzakube ukwizinga eliphezulu. Sinabadlali abatsha abazakudlala kula mdlalo. Kufanele umdlalo siwulungele ngokwasengqondweni,” utshilo uKatsande.
Nangona la maqela esazana, kodwa uKatsande uthi abayazi eyona nto bayilindeleyo kwiPirates. “Bazakuza kuthi benomfutho omkhulu ngoba banomqeqeshi omtsha uMuhsin Ertugral , kodwa nathi sinabadlali abatsha kwelethu iqela.” UKatsande ufuna iqela lakhe lingehlelwa sesesizini ephelileyo. “Kule sizini izakuqala, kufanele uba kufuneka sibuye nendebe yePSL nezinye ukuze sixolise abalandeli. Okuhle kukuthi sizozibona ngoMgqibelo ukuba siyilungele kangakanani na isizini entsha,” utshilo uKatsande.
Ubukhulu becala iCarling Black Label inika ithuba abadlali abasakhulayo ithuba lokuzibonakalisa phambi kwamawaka-waka. “Ndiyazi kuzobanzima ngoba akekho umdlalo olula xa sidlala nePirates. Ngeke sifanise lo mdlalo neminye esiqhele ukuyidlala. Noko xa sisenza iimpazamo kulo umdlalo, sisenalo ithuba lokuzilungisa phambi kwesizini entsha,” utshilo uKomphela.
“Kusele iiveki ezintathu phambi kwesizini entsha. Asikayilungeli kakuhle kodwa kuninzi esikwenzileyo. Uxinizelelo yinto yakhona. Noko noMuhsin ukhe waqeqesha apha uyayazi lo nto,” utshilo.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023