UKatsande uzenzele imbali kwiChiefs

Isikhonkwane esiswini seKaizer Chiefs, uWillard Katsande, sichulumancile kukufikelela kwimidlalo engamakhulu amabini kweli qela.

UKatsande wafika kwiChiefs kwisithuba seminyaka emithandathu esuka kwi-Ajax Cape Town.

Abantu abaninzi bamgxeka uBobby Motaung ngokuthenga lo mdlali – kodwa kwimpumelelo ezuzwe yiChiefs kule minyaka idlulileyo, uKatsande udlale indima ephambili.

Lo mdlali uyavuma ukuba abaqeqeshi asebenze nabo babenegalelo elibonakalayo kwikhono lakhe.

“Bonke abaqeqeshi endisebenze nabo babenegalelo ekudlaleni kwam imidlalo eliqela njengokuba ndibalwa phakathi kwabadlali abanemidlalo emininzi kwiChiefs. Ndiyakuvuyela ukuhlala ixesha elide kwiChiefs ngoba iliqela elikhulu. Ngeke ndiyijongele phantsi intsikelelo endiyiphiwe nguThixo,” utshilo uKatsande.

Kulindeleke uKatsande adlale indima ephambili njengokuba kukho uthotho lwabadlali abonzakeleyo kwiChiefs.

Amakhosi amkela iBidvest Wits kumdlalo wePSL ngo’18:00 eFNB Stadium ngoMgqibelo. Ngumdlalo lo ozakubanzima ngoba la maqela omabini akayiqalanga kakuhle isizini.

Omnye umdlalo ozakutsala umdla wabantu uphakathi kweMaritzburg United ne-Orlando Pirates. Omabini aqhube kakuhle la maqela kwimidlalo yaphakathi evekini.

UMilutin Sredojevic ucinga ukuba iziphumo ezifunyenwe liqela lakhe zizakulikhuthaza kwimidlalo ezayo.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesihlanu: Maritzburg United vs Orlando Pirates @Harry Gwala Stadium 20:00; Ajax Cape Town vs Polokwane City @Cape Town Stadium 20:00

NgoMgqibelo: Baroka FC vs Free State Stars @Peter Mokaba Stadium 15:00; Kaizer Chiefs vs Bidvest Wits @FNB Stadium 18:00; Platinum Stars vs Chippa United @Royal Bafokeng Stadium 20:15

NgeCawe: Golden Arrows vs AmaZulu @Princess Magogo Stadium 15:00