Emva kokusikwa yiFIFA unyaka wonke kungatyikitywa abadlali abatsha, abaphathi babonise ukuzimisela kwabo ukuqinisa iindawo ezithile kwiKaizer Chiefs ngokuthi bafumane iziqwayi zabadlali. Ngenjikalanga namhlanje, Amakhosi abhengeze amagama wabadlali ababini abatsha. Abo badlali nguKeagan Dolly noCole Alexander, bobabini badlala esiswini. UDolly, okwangumdlali weqela lesizwe loMzantsi Afrika, ubuyela kwiChiefs esuka kwiqela laseFrance ekuthiwa yiMontpoellier ahleli kulo iminyaka emihlanu yonke. Kanti yena uCole Alexander usuka kwiqela lase-India ekuthiwa yi-Odisha. Waya kulo lisaqeqeshwa nguStuart Baxter esuka kwiBidvest Wits eyabhangiswayo emva kokuthengwa ngabanikazi beqela ebekusithiwa yiTshakhuma Tsha Madzivhandila.
Kulindeleke u-Alexander adlale indawo eza kushiywa nguWillard Katsande oza kuhamba emva kokungavuselelwa kwesivumelwano sakhe sengqesho yiChiefs. Phambi kokuya eFrance, uDolly udlalele iMamelodi Sundowns ne-Ajax Cape Town. UDolly, 28, utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu. Kanti naye u-Alexander, onethuba elide efunwa yiChiefs, utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu. Amakhosi aqokelela abadlali abanokuphucula indlela engancumisiyo adlale ngayo kwisizini yeDStv Premiership egqithileyo ayivale ekwindawo yesibhozo. Kubuyiswe uStuart Baxter kwiiveki ezigqithileyo emva kokungaqhubi kakuhle kweChiefs phantsi kukaGavin Hunt nakubeno kwiCAF Champions League ikwazile ukuya emdlalweni wokugqibela ebethwe kuwo yi-Al Ahly ngo’3-0. Isizini entsha iza kuqala ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yeThupha.
UMakhaya Ntini uthi ukulungele ukuncedisa kwiKFC Mini-Cricket