AmaZulu abuyela ekhaya kwiphondo laKwaZulu-Natal encumile emva kokubambana neKaizer Chiefs ngegowuli elinye macala (1-1) emdlalweni weMTN8 obushushu eFNB Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Zizinto zimbini olugoduka nazo namhlanje Usuthu: lufumene igowuli lebhasela futhi akabethwanga ekuhambeni. Umdlalo ubungenanto obungenayo efunekayo emidlalweni yendebe efana neMTN8 ekuliwayo kuyo. Amakhadi amane akhutshwe nguVictor Gomes ebaleni nangaphandle achaza indlela ebexakeke ngayo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla AmaZulu ephala phambili ngegowuli elifakwe nguGabadinho Mhango emzuzwini weshumi elinesithandathu kwisigaba sokuqala. Oku kwenzeke emva kokuba efumene ibhola entle kuGeorge Maluleke.
Adibanise iibhola Amakhosi aya edabini ngelikhangela igowuli lokulinganisa. UKgaogelo Sekgota noYusuf Maart bebeyingxaki kubadlali boSuthu – kodwa bobabini badlale ngawo amathuba. Elona thuba lokufaka igowuli lokulinganisa elicacileyo liphoswe ngu-Ashley du Preez obejongene noVeli Motwa owenze umsebenzi oncomekayo emdlalweni. Emva kokulawula isiqingatha sokuqala somdlalo, iChiefs yenze njalo nakwisigaba sesibini. Emva kokungena kukaKeagan Dolly, iChiefs ihlasele ngamandla. Kuphinde kwavela elinye ithuba lokubeka iChiefs endaweni entle – kodwa uBonfils-Caleb Bimenyimana uliphosile naye ithuba, ibhola uyibethe ngentloko yaphuma ecaleni.
UDolly uwahlangule Amakhosi ngofaka igowuli lokulinganisa. AmaZulu abehleli emva ekhusela igowuli lawo adlalele emva kakhulu kwisigaba sesibini engaphelelanga emva kokuba uGomes enike uVeluyeke Zulu ikhadi elibomvu. Uyancomeka umsebenzi owenziwe ngaMaZulu, ingakumbi uVeli Motwa ezipalini, ngoba iChiefs ayikwazanga ukufumana igowuli lokuphumelela ebilifuna shushu. Nakanjani, abadlali beChiefs bazikrwempa iintloko futhi bayazisola ngoba ngabo abayeke intaphane yamathuba emdlalweni. Emdlalweni wesibini weMTN8, yiChiefs ekunyanzelekileyo iphumelele eMabhida Stadium. Abanye abafumene amakhadi abomvu bengaphandle ebaleni nguMhango, uJohan Abselo noGeorge Matlou weChiefs.
UMzantsi Afrika uzuze inqaku kwiCongo Brazzaville ebibhokile kowayo!