UKeagan Dolly wophule iintliziyo zabalandeli bePirates elwelileyo eFNB Stadium

ULinda Mntambo we-Orlando Pirates noKeagan Dolly weKaizer Chiefs bafake amagowuli emdlalweni wanamhlanje weDStv Premiership obuseFNB Stadium. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Bancume olukabhulankethe abalandeli beKaizer Chiefs emva kokuba izuze impumelelo kwidabi lobukhaya eebelinzima emalanga namhlanje. Amagowuli amabini afakwe nguKeagan Dolly ancede iChiefs ebethe i-Orlando Pirates ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni weDStv Premiership obutaka iintlantsi eFNB Stadium. Omabini amaqela awuqale kakuhle kakhulu umdlalo. Adlale umdlalo obalekayo njengesiqhelo xa edibene esiya phambili. Into ebembi kwisigaba sokuqala kukuba akakwazanga ukubhakuzelisa umnatha ngendlela ebilindelekile. UKhama Billiat, obesekelwe nguBernard Parker phambili, uzamile ukuyishukumisa iPirates.

Khange ziyekelele nazo eZimnyama ebezixhokonkxa ngamadoda afana noMakaringe, uHotto noMakhubele. Amakhosi bekufanele afumene ipenela emva kokuba uHlatshwayo ebambe ibhola emhlabeni kanozinti – kodwa usompempe khange ayibone. UDolly ufake igowuli kanye phambi kokuba kuyiwe kwixesha lokuphumla. Asukelene amaqela aseSoweto kwisigaba sesibini. Bekucacile ukuba iPirates ikhangela igowuli lokulinganisa kwangoko ukuze ilwele elokuphumelela emva koko. Nangona uBilliat ebeyixakekisile kakhulu phaya emva iBucs – kodwa ikwazile ukulwa yade yavuzwa ngegowuli elifakwe nguLinda Mntambo emva kwebhola ebhutyuzwe nguDaniel Akpeyi endaweni yokuyibamba ihlale nca ezandleni.

Kuthe xa kubonaka ukuba umdlalo uya ekupheleni, uDolly ufake igowuli lakhe lesibini ngepenela emva kokuwiswa kukaBilliat ebhokisini. Ibethwe kanjalo iPirates ebisilwela ukuphumelela umdlalo wayo wesibini kule veki emva kokuba ibethe iSekhukhune United ngamagowuli amabini kwelinye ekuqaleni kweveki. Nangona yona iChiefs ibibethwe siStellenbosch ngo’1-0 ekuqaleni kweveki – kodwa ukubetha kwayo iPirates kwakuyiphelisa yonke lo nto ezingqondweni zabalandeli okomzuzwana. Kulindeleke ukuba iqela likaStuart Baxter linyukele ngasentla kwePirates emva komdlalo wanamhlanje kwiDStv Premiership. Emdlalweni wayizolo, iSuperSport United ibethe iTS Galaxy ngo’2-1 eLucas Moripe Stadium.

Kaizer Chiefs: Akpeyi, Cardoso, Mathoho, Mabiliso, Blom, Njabulo Ngcobo, Nange, Alexander, Parker, Dolly, Billiat.

Amalalela: Petersen, Mphahlele, Agay, Frosler, Kambole, Dube, Nkosingiphile Ngcobo, Radebe, Sekgota.

Orlando Pirates: Mpontshane, Hlatshwayo, Ndah, Mabaso, Mako, Monare, Makaringe, Hotto, Makhubela, Mntambo, Peprah.

Amalalela: Sandilands, Mngonyama, Dzvukamanja, Shandu, Sam, Dlamini, Makgaka, Mabasa, Ndlovu.