UKeet ufunwa yiChiefs neDowns

Unozinti weBafana Bafana neBidvest Wits, uDarren Keet, ufunwa yiKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns.

Iingxelo zithi uKeet akavumanga ukutyikitya isivumelwano sengqesho esitsha phambi kokuphela kwale sizini.

Ekuqaleni kwalo nyaka emva kokonzakala kukaItumeleng Khune, iChiefs yazama ukurhwebeshela kuyo uKeet kodwa wala ngelithi ufuna ukuya phesheya.

Emva kokudlala kakuhle kwiBafana Bafana – uKeet uye akadlaliswa yiWits ngenxa yokungavumi kwakhe ukuzibophelela.

Umqeqeshi weWits, uGavin Hunt, uxelele iintatheli kwiveki ephelileyo okokuba uKeet uza kudlalela iqela lakhe okokugqibela ngoMgqibelo.