UKekana akayideleli iPirates

IMamelodi Sundowns nezintshatsheli ezintsha zeTelkom Knockout, izakube ilindele ukhuphiswano xa idibana ne-Orlando Pirates kumdlalo we-Absa Premiership ngeCawa.

IPirates isenesingqala kuba ibisandula kubethwa yi-Etoile du Sahel kumdlalo wamagqibela kankqoyi weCAF.

IPirates khange iqhube kakuhle ncam kwisiqingatha sokuqala se-Absa premiership, bahleli kwindawo yeshumi elinesibini kuluhlu lamaqela e-PSL, ngelixa iSundowns ihleli kwindawo yesibini kwiPSL, kwaye izakufuna ukugcina ireckodi elihle lale sizini. Izakufuna nokuba isuse iBidvest Wits ehleli ekuqaleni.

Kodwa ukudlala kakubi kwePirates kwiPSL, kwenziwe kukuba bebeqwalasele kakhulu kwimidlalo yeCAF. Kwaye umdlali wasesiswini kwiSundowns uHlompho Kekana uthi, ayizubetheka lula iPirates.

“Lo izakuba ngumdlalo obalulekileyo kuwo omabini la maqela,” utshilo uKekana.