UKekana kulindeleke ayincede iSundowns

Yiveki enzima kakhulu le kwiMamelodi Sundowns njengokuba indwendwela kwilizwe laseDemocratic Republic of Congo.

IiBrazillians ziceba ukubhukuqa i-AC Vita ukuze zibuye namanqaku amathathu kumdlalo weCaf Champions League ozakube ubanjelwe eStade de Raphael ngecala emva kwentsimbi yesine emalanga ngeCawe. ISundowns yiyo kuphela emele uMzantsi Afrika emva kokuba kwathi kwakhiqwa amaqela amathathu kule midlalo yeCaf. Umqeqeshi weDowns, uPitso Mosimane, ukuqonda kakuhle ukubaluleka kokungaphulukani nalo mdlalo. Iqule yaligangatha iDowns ngoba iVita liqela elikhulu kwela lizwe futhi linenxaso enkulu yabantu nakwicala lezimali. Omnye wabadlali uPitso azakuthi athembele ngabo nguHlompho Kekana ochongwe yiPremier Soccer League njengomdlali oqaqambileyo kwiinyanga ezimbini.

Lo mdlali ubuyela kwiDowns emva kokudlala umdlalo oncomekayo kutshanje ngethuba iBafana Bafana idlala neCameroon, ubuye negowuli elihle kakhulu elimenze waduma kwihlabathi liphela.

Njengokuba iSundowns isiya kulo mdlalo ngaphandle kukaKhama Billliat noSoumahoro Bangahoro -uMosimane uthi uyakuvuyela ukubuya kukaKkekana. “Ngethemsanga lethu, uKekana uyabuya. Asinaye uBilliat noBangaly, kufuneka size necebo. Kufuneka esiswini sethu siqine futhi singabavumeli ngoba bangasonzakalisa,” utshilo uPitso. Lo mqeqeshi owayeqeqesha iBafana Bafana ngaphambili ulambele amanqaku amathathu kulo mdlalo.

UJingles uthi ufuna okungenani iqela lakhe libuye nempumelelo okanye bedlale ntanganye nokuba kungo’1-1. Eyona nto ibalulekileyo kuye kukubuya nento esandleni. Ukubuya kwayo iSundowns iza- kuxakekiswa kakhulu yimidlalo yePSL neyendebe yeNedbank Cup abazama ukuyikhusela.