UKekana ngukapteni omtsha weSundowns

LICHONGE uHlompho Kekana iqela iMamelodi Sundowns njengoKapteni omtsha emva kokuhamba kukaRamahlwe Mphahlele kwinyanga ephelileyo. Esi sibhebgezo senziwe yiSundowns kule veki.

Ukuchongwa kwalo mdlali, onamashumi amathathu ananye eminyaka njengokapteni weentshatsheli ze-Absa Premier Soccer League, akothusanga nanjengokuba uKekana engomnye wabadlali abanegalelo elikhulu kwinkqubela yeSundowns eyefumene kule minyaka mithathu edlulileyo. Yinto enkulu le yokotyathiswa kwale ndedeba, lixanduva elikhulu ukukhokela iqela elikhulu njengeli – kodwa kubonakala ngathi lifike lomdlali engxashile njengejoni elilindele ukuya emfazweni. “Khange ndiyilindele ke le into. Ndingumntu ozinikeleyo ebholeni. Ndisoloko ndilangazelela impumelelo ngamaxesha onke.

Kuninzi endikwenzileyo kwicala lesikhokelo okungaziwayo ngabantu abaninzi,” utshilo uKekana kwikhasi lomnatha leSundowns.

Lo kaKekana uzakuqala ukukhokela xa iSundowns idlala ne-Enyimba kumdlalo weCaf Champions League ngomhla wamashumi amabini anesithathu kule nyanga. “Injongo yethu kukuphumelela indebe yeCaf Champions League,” ulebele ngalo mazwi uKekana.