UKekana noLaffor benze idemeshe e-Orlando Stadium

Emva
kokubethwa imidlalo eliqela, iMamelodi Sundowns ide yazuza impumelelo
namhlanje. Amasandawana avuthulule i-Orlando Pirates ngo’3-1 kumdlalo obumhle
kakhulu e-Orlando Stadium ebusuku izolo. 

Impumelelo yeDowns iza emva
kokungaphumeleli imidlalo eliqela ingaphumeleli. Amasandawana angcangcazelise
umnatha kungaphelanga nemizuzu emibini emva kwebhola ekhatywe kakubi ngumdlali
wePirates – idibene noHlompho Kekana oyivalele emnatheni emva kwempazamo
eyenziwe ngu-Abbubaker Mobara. Uphinde elesibini igowuli uKekana ekude emva
kokumbona unozinti ukuba uphumile ezipalini.

Umdlalo
uvuthe ukusukela ekuqaleni – kuwo omabini la maqela bekubalulekile ukuphumelela kuwo. UPitso Mosimane ufake iziqwayi zakhe zabadlali esiswini;
uKekana, u-Oupa Manyisa noTiyani Mabunda – ngokwenza njalo, injongo yakhe
ibikukuqinisekisa ukuba iPirates akayiniki mhlaba wokwakha iibhola eziya kuMpho
Makola nakuThabo Qalinye – abona badlali benza izinto zenzeke kwiPirates. Noxa
iDowns ibiyiyo elawula umdlalo – kodwa iPirates ibingayekelelanga konke konke
noxa ingakwazanga ukuwasebenzisa kakuhle amathuba ewafumeneyo.

Kuyiwe
kwisigaba sesibini somdlalo iqela lasePitoli seliwufake phantsi kwekhwapha
umdlalo – kodwa igowuli elifakwe nguMarc van Heerden ufake igowuli elihle
kakhulu elinike ithemba iPirates namandla okuya phambili. UQalinge
noThembinkosi Lorch bawafumene amathuba okufaka amagowuli kwizigaba zozibini
kulo mdlalo – kodwa ingxaki bebengaziboni iipali. UWayne Sandilands uyisindise
amatyeli aliqela iPirates ihlaselwa kakubi yiSundowns. Ungene wafaka igowuli
u-Anthony Laffor ongene endaweni kaSibusiso Vilakazi kwisigaba sesibini.
Amasandawana ahleli kwindawo yesibhozo kwiPSL emva kokudlala imidlalo
esixhenxe.

Kweminye imidlalo:
iCape Town
City ibethe iFree State Stars ngo’1-0;
iPlatinum Stars ibethe i-Ajax Cape Town ngo’1-0 aze AmaZulu abambana
neBaroka ngo’1-1.

 

Orlando Pirates: Sandilands,
Mobara, Chabalala, Maela (Nyatama, 34), van Heerden, Matlaba, Sarr, Qalinge,
Lorch (Morrison, 73), Makola, Kutumela (Gabuza, 23).

Mamelodi Sundowns: Onyango, Langerman, Soumahoro, Morena,
Madisha, Ngcongca, Kekana (Zwane, 76), Mabunda, Vilakazi (Laffor, 79), Manyisa,
Tau (Billiat, 69).