UKekana usafuna ukuphakamisa iindebe kwiDowns

Umdlali weMamelodi Sundowns uHlompho Kekana

UHompho Kekana uthi kuguga othathandayo. Nyhani ke izenzo zakhe zitsho ebaleni nangona esukela amashumi amathathu anesihlanu eminyaka.

Ukusukela ngo-2011, uKekana ubengomnye wabadlali ababalulekileyo kwiMamelodi Sundowns – nanamhlanje kusenjalo kwaye uthi usanxanelwe ukuphakamisa ezinye iindebe.

Ebholeni yaseMzantsi Afrika, uHlompho Kekana ngomnye wabadlali abambalwa abadlale imidlalo eqabele kumakhulu amathathu baphumelela neendebe ezininzi.

Njengomdlali webhola ekhatywayo, uKekana uphumelele intaphane yeendebe eziquka iindebe ze-Absa Premiership ezine, ezimbini zeTelkom Knockout, iNedbank Cup, iSuper Cup noCaf Champions League.

Nangona izangxa zasePitoli zikhutshiwe kwiChampions League kutshanje – kodwa zisenalo ithuba lokuphumelela iindebe ezintathu kule sizini yodwa. “Xa ungcamle impumelelo kwiSundowns, uye uyifune ngakumbi. Kubakho la nto usiqhubayo,” utshilo uKekana encokola ne-Independent Media.

Yonke imidlalo ye-Absa Premiership ihlehlisiwe, umhlawumbi ingadlalwa kwakhona kuCanzibe njengokuba kwinyanga kaTshazimpuzi kungekho mntu ovumelekileyo ukuba ahambahambe eMzantsi Afrika emva kwesaziso sikaMongameli uCyril Ramaphosa ozama ukutheza amandla iKhorona egqugqisa kwihlabathi lonke.

Amasandawana ahleli kwindawo yesibini emva kweKaizer Chiefs ephala phambili ngamanqaku amane.

Inalo ithuba lokuyikhuselela indebe yayo iSundowns ngoba iChiefs iyagqwidiza emidlalweni yayo. Kutshanje, uPitso Mosimane uthe uqinisekile okokuba iSundowns iza kuyiphumilela imidlalo emihlanu ngolandelelana kwayo.

Naye uKekana uthi injongo yabo bengabadlali kukuphumelela yonke imidlalo. “Isicwangciso sethu kukuqinisekisa okokuba siphumelela umdlalo ngamnye esiwudlalayo. Nakwicala leendebe kunjalo, sifuna ukuphumelela.

Thina badlali sizimisele ukuyiphucula indlela esidlala ngayo oko. Khumbula, sayiphumelela indebe yeChampions League singazithembanga.

Ndiqinisekile iqela lethu linawo amandla okuphumelela iindebe,” utshilo uKekana.

Emva kokwenza umsebenzi omhle, iSundowns inike uKekana isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu.

“Ndiye ndasihlaziya isivumelwano kuba ndisazi okokuba siliqela leentshatsheli. Wonke umntu usebenzela ukuqokelela iindebe,” utshilo uKekana.