UKekana uvuyisana neqela lakhe

Kwisizini edlulileyo, iKaizer Chiefs, yayiteketiswa ngokuba yiGautrain ngenxa yendlela eyayiqhuba kakuhle ngayo kwimidlalo ye-Absa Premier Soccer League.

Njengokuba ingaqhubi kakuhle kule isizini elo gama lifanele iMamelodi Sundowns ngoba isantya ehamba ngaso siphezulu kakhulu kwaye kubonakala ngathi akukho qela linokuyibamba. Amagowuli amabini afakwe nguHlompho Kekana, nelifakwe nguKhama Billiat, ancede iDowns ngethuba ibetha iMaritzburg United ngo’3-2 kumdlalo obuseHarry Gwala Stadium ngempela veki. Amagowuli eMaritzburg angene kwimizuzu yokugqibela afakwe ngu-Evans Rusike noBrian Onyongo.

Amanqaku amathathu afunyenwe yiDowns kulo mdlalo enza ibenamanqaku [ewonke] akumashumi amathathu anesithandathu(36) kwaye isahleli kwindawo yokuqala.

Omabini la maqela ebezimisele futhi kubonakala ukuba iMaritzburg izimisele kodwa kuye kwacaca ukuba idibene namakhwahla, into eziyaziyo into eziyifunayo. Kuyithathe imizuzu engaphaya kwamashumi amathathu iDowns ukuze ifumane igowuli layo lokuqala. UBilliat noCastro khange bayihlalise kakuhle iMaritzburg kulo mdlalo bencediswa nguKekana, uTeko Modise noBongani Zungu esanzulwini sebala.

Nangona isigaba sesibini iSundowns ifake amagowuli ayo amabini, i-United nayo izamile ukuleqa nakubeni besekukubi kakhulu. Amagowuli ayo amabini iwafake ngokulandelelana sekuphela umdlalo.

UKekana, obengumdlali oveleleyo kulo mdlalo, uthe ukulwela amanqaku apheleleyo yeyona nto ibalulekileyo kubo ngoku.

“Kunzima oko ukudlala kumlenze wesibini wesizini. Bekungekho lula nakulo mdlalo, ndiyavuyisana nabo oogxa bam ngokuphumelela lo mdlalo. Siwafumene amanqaku ebesiwafuna,” utshilo uKekana.

Nomqeqeshi wakhe uPitso Mosimane uthe uyawavuyela amanqaku amathathu kodwa akaxolanga yindlela elidlale ngayo iqela lakhe.

Komnye umdlalo obuseMpumalanga, iBlack Aces, ibethe iChippa United ngo’1-0 kumdlalo obumhle kakhulu ngempela veki. Igowuli le Aces lifakwe nguCollins Mbesuma, nto leyo emnike igowuli lakhe leshumi elinanye kule sizini.

Ngoku umsantsa ngamanqaku amathathu kuphela phakathi kwe-Aces neSundowns esenkcochoyini kwiPSL.

Iziphumo zemidlalo

Ajax Cape Town 1-0 Golden Arrows. Polokwane City 2-1 Jomo Cosmos Olrando Pirates 1-1 Kaizer Chiefs SuperSport United 1-0 Free State Stars Maritzburg United 2-3 Mamelodi Sundowns Black Aces 1-0 Chippa United