UKempson ubaqhwabele izandla abadlali beKings

Abadlali babhiyozelele impumelelo yabo yokuqala kwiPRO14 emva kokuba iSouthern Kings ibethe iCardiff Blues ngo3-17 kwiveki ephelileyo eWales Umfanekiso: Kings/Facebook

Iqela lesizwe laseMpuma Koloni, iSouthern Kings, lide laphumelela umdlalo walo wokuqala kwiveki ephelileyo.

Emdlalweni obunzima kakhulu kwisixeko saseSwansea, eWales, iKings iphumelele ngongciphu ibetha iOspreys ngo’16-14.

Umdlali oye waqaqamba emdlalweni ngokufaka amanqaku ibe ngumdlali wasemva uScott van Breda.

Mithandathu imidlalo esele idlalwe yiKings kwisizini entsha yePRO14, isendaweni embi, kodwa impumelelo iza kunika abadlali amandla wokuguqula imeko elikuyo iqela laseMpuma Koloni.

Umqeqeshi weKings, uRobbie Kempson, uyivuyele kakhulu into eyenziwe liqela lakhe kodwa yona iCheetah edlala kwiPRO14 nayo, ibuye isophisa emva kokubethwa iCardiff Blues ngo’3-17.

“Umsebenzi owenziwe ngabadlali awukholeleki,” utshilo uKempson encoma abadlali bakhe emva komdlalo.

“Bezikhona zona izinto esizenze kakuhle emdlalweni pha naphaya kodwa eyona nto endichulumancise kakhulu yindlela abadlali abadlale ngayo emva. Izamile ukujula yonke into kuthi – kodwa abadlali bethu bebezimisele ngeyona ndlela. Ikhuthaza kakhulu indlela elidlale ngayo iqela lethu ngokuba linabadlali abaselula nangeminyaka noba bekhona nabadala. Siye emdlalweni sonzakalelwe ngabadlali abaphambili esiye emdlalweni singenabo kwaphela. Kodwa eyona nto endiyothulela umnqwazi yindlela abadlale ngayo phantsi kweemeko ezahlukileyo kwezaseMzantsi Afrika abaziqhelileyo,” utshilo uKempson emva komdlalo eWales.

Ngoku iKings iza kudibana neConnacht ngomhla wamashumi amathandathu emdlalweni oza kube ukwilizwe lase-Ireland.

Yena umqeqeshi weCheetahs, uHawies Fourie, ukhale ngabadlali abafumene amakhadi kodwa kwangaxeshanye wabe evuyiswa yindlela elilwe ngayo iqela lakhe emdlalweni.

“Besikufuna ukuphumelela umdlalo. Ndiphoxekile ziziphumo zomdlalo. Ngethuba sinikwa ikhadi elibomvu besendinalo ixhala ngoba besihamba emva. Siye saphisa ngebhola. Lo nto isisokolisile ngoba besekukho umdlali okhutshiweyo,” utshilo uFourie emva komdlalo.

pedro.mapelo@inl.co.za