UKermit Erasmus wenze idemesha eCape Town Stadium yatsho yaphumelela iCT City

Kermit Erasmus of Cape Town City is challenged by Vusimusi Mngomezulu of Polokwane City during the Absa Premiership 2019/20 game between Cape Town City and Polokwane City at Cape Town Stadium on 6 November 2019 Ryan Wilkisky/BackpagePix

ICape Town
City
ide yaphumelela emva kwexesha elide
ingasayifumani. Namhlanje ivuthulule iPolokwane
City
ngemvula yamagowuli
amahlanu kwamathathu (5-3) emdlalweni we-Absa Premiership obubanjelwe eCape
Town Stadium kobu busuku. Konke oku kwenzeka ngenxa yokuba uJohn Comitis egqibe
kwelokuba amgxothe uBenni McCarthy emva kwemidlalo elishumi elinesibhozo ingasaphumeleli
iCity. Ibiliyeli lesithathu iphumelela umdlalo kule sizini iCT City. Lo nto
iyincothule engxakini yayokuthi ngcu endaweni engcono kwiPSL. Umdlali owenze
idemeshe nguKermit Erasmus ofake amagowuli amabini eyedwa. Abadlali beCity
badlale umdlalo wabo abaziwa ngawo obalekayo. Omnye umdlali obuye negowuli
namhlanje nguSiphelele Mthembu.

Abadlali
bePolokwane bazamile ukubuyela emdlalweni emva kokuxheshwa yiCT City
emizuzwini yokuqala yomdlalo. UCharlton Mashumba ufake igowuli lePolokwane.
Lelo gowuli eliyinike amandla – nakuyo iCity kuye kwakho ukuyekela okuthile
emva koko. UMpho Makola nomdlali wasemva, uEdmilson Dove, baye bafaka amanye
amagowuli ukuze iCity ikwazi 
ukuphumelela umdlalo ngokucacileyo. Nangani iPolokwane ibiyiqale kakuhle
isizini – kodwa ngoku seyibethwe emidlalweni emine ilandelelana. Ukunqaba
kweziphumo ezihle kunganyanzela abaphathi beqela bamgxothe uZlatko Krmpotic
ophantsi koxinizelelo kwiqela laseLimpopo. Ngomnye umdlalo, AmaZulu abethe
iStellenbosch ngamagowuli amabini afakwe nguBongi Ntuli.