UKeshi unomdla kumsebenzi kaTinkler!

Njengokuba isizini ivalwe ngokusesikweni ngoMvulo, enye yezinto ekubonaka ngathi ziza- kwenzeka kukutshintshwa kwabaqeqeshi kumaqela ohlukeneyo.

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, * -Eric Tinkler, ngomnye wamadoda angaqinisekanga ngekamva lawo. Oku kuza emva kokuba kufikelele esiphelweni ixesha ewayelinikiwe yiPirates. Iindaba ezivakalayo ngoku zithi indoda eyayifudula iqeqesha iqela lesizwe laseNigeria, uStephen Keshi, unawo umqweno wokuqeqesha kwiPremier League yeli loMzantsi Afrika.

UKeshi uyaziwa jikelele ngokuqeqesha, kwaye wanceda iNigeria yaphumelela indebe yezwekazi le-Afrika (AFCON) kwiminyaka embalwa edlulileyo. UTinkler wanikwa ithuba lokuqeqesha iPirates emva kokuhamba kukaVlad Vermezovic kwiminyaka emini edlulileyo. Ukusukela ngoko uTinkler uqhube kakuhle kwimidlalo yeCaf Confederation Cup, kodwa yabethwa kumdlalo wamagqibela kanqoyi.

Kwiveki ephelileyo i-Orlando Pirates ibethwe yiSuperSport United ngo’3-2 kumdlalo weNedbank Cup.

Yile ndebe kanye ebenethemba layo uTinkler, kodwa izinto azihambanga kakuhle. “Ndiyafuna ukuhla kwiPirates njengomqeqeshi. Abaphathi beBucs bazakugqiba kwiiveki ezimbini ezizayo ngokulandelayo malunga nekamva lam,” utshilo uTinkler ngempelaveki edlulileyo.

Yena usenawo umnqweno wokuqhubela phambili. Into engamthetheleliyo kukuba akukhonto ayifumeneyo, kwaye iPirates ayiqhubanga kakuhle nakwiPSL ka’2015/16. omnye wabaqeqeshi ekucingeleka ukuba unawo umdla ekuqeqesheni eli qela nguHristo Stoichkov owayefudula eqeqesha iMamelodi Sundowns.