Ziguqukile izinto kuGroup E emva kokuphumelela kweCosta Rica emdlalweni wanamhlanje. Oku kwenzeka emva ithe yabetha iJapan ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obudikidiki wetumente yehlabathi obubanjelwe eAhmad Bin Ali Stadium namhlanje emini. Amanqaku amathathu anika iCosta Rica ithuba lokulwela ukuya kumjikela olandelayo weFifa World Cup. Emdlalweni wokuqala, iCosta Rica ivuthululwe ngamagowuli asixhenxe eqandeni siSpain. Kanti yona iJapan yothuse umzi ngokubetha iGermany ngegowuli elinye. Ukuphumelela kweCosta Rica kunyanzela onke amaqela adlalele ukuphumelela.
Ngoku iCosta Rica iza kuya emdlalweni wayo olandelayo inethemba lokubetha iGermany edibana neSpain emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu namhlanje ebusuku. Isiqingatha sokuqala siphele kungekho nto ebhodini. Nangona amaJapan ebedlala umdlalo wawo obaleka njengesiqhelo – kodwa akukho nanye ibhola ayikhabele unozinti. Kucace ukuba kukho umdlalo namhlanje ngethuba uTakumo Asano ekhabela ibhola ezipalini okokuqala emdlalweni kwisigaba sesibini. Emva kokuzama ixesha elide kunzima ukugqobhoza, iCosta Rica incumise abalandeli bayo ngegowuli elifakwe nguKeysher Fuller emzuzwini wamashumi asibhozo ananye.
Igowuli lingene emva kwempazamo eyenziwe nguShuichi Gonda uphume kwangoko ezipalini zakhe – lo nto yanika ithuba uFuller ithuba lokubeka ilizwe lakhe endaweni entle. Mhlawumbi enye yezinto ezibangele umdlalo ube dikidiki bubushushu obugqithisileyo. Noxa kwakuba nzima kwiCosta Rica ukubetha iGermany – kodwa kunyanzelekile izijule emva kokuphumelela umdlalo obalulekileyo namhlanje. Ukuba iSpain siyibethile iGermany namhlanje, siza kuya kumjikelo olandelayo wetumente yehlabathi ngomzima ongenalo ixhala. AmaJamani neSpain ngamazwe aphumelele indebe yehlabathi phambi kweFrance ephumelele eRussia ngo-2018.
Imvumi yaseNgqeleni ibuye neembasa ezimbini kwiiMAMAs!