Kwisizini ephelileyo, iBaroka FC isinde ngolambisa ezembeni emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni yayo. Nakule isizini eqhubekayo, ayikazifumani iziphumo ezincumisayo. Emidlalweni elishumi eyidlalileyo, iBaroka iphumelele imidlalo emibini ezuze amanqaku alishumi qha. Ibethwe kathandathu yaze yadlala ntanganye kwemibini. Ukubethwa kwayo ngegowuli elinye eqandeni yiChippa United esokolayo nayo kwiveki ephelileyo kunyanzele abaphathi bayo ukuba benze utshintsho. UMatsimela Thoka, obengumqeqeshi weBaroka nakwisizini egqithileyo, uthotyiselwe kwiqela elidlala kwiDStv Diski Challenge.
Endaweni yakhe yakhe kufakwe uKgoloko Thobejane – indoda eyanceda iBaroka FC ukuze inyukele kwiDStv Premiership kwiminyaka egqithileyo. Uza kuncediswa nguVincent Kobola, uNaughty Legay no-Albert Mothupa. Abaphathi benza iinguqu kungekonakali kakhulu benethemba lokuba uThobejane uza kukwazi ukulibeka endaweni ehloniphekileyo xa kuphela isizini. Kwincoko ayenze kwiFARPost ekuqaleni kwale veki, uThobejane uthe abalandeli beBaroka mabathobe izibilini ngoba izinto ziza kutshintsha kwezi veki zizayo. “Ewe, ndisenomsebenzi endingekawugqibi apha kwiBaroka. Mandiqale ndibulele uMnu. Khurishi Mphahlele ngokundibuyisela kwisihlalo sokuqeqesha iqela elidala,” utshilo uThobejane owagxothwa ngo-2018.
“Ndonwabe kakhulu, qha ndiswele amaphiko ngendibhabha esibhakabhakeni ukuze wonke umntu andibone ukuba ndibuyile. Ndalishiya iqela endaweni ephaya phezulu. Umsebenzi wam kukulinyusa kwakhona. Eyona nto ibalulekileyo ngoku kukuqokelela amanqaku ngoba sisezantsi kwiDStv Premiership,” utshilo uThobejane. Iqela lakhe liza kuzama ukufumana amanqaku apheleleyo xa lidibana neGolden Arrows emalanga ngeCawe, ePrinces Magogo Stadium. Amandla wakhe akubonaka ngempelaveki xa edibene nelinye iqela elilwela amanqaku apheleleyo.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!